Amanani okusuleleka kwesifo iMpox eMzantsi Afrika anyuke ayokustho ku-16.

ISebe lezeMpilo kuZwelonke lingqinile ukuba kosuleleke abantu abathathu kutsha nje sisifo iMpox, lo nto yenza inani linyukele kwishumi elinesithandathu (16) eMantsi Afrika.

Kulosuleleko esele lupapashiwe, indoda eneminyaka engamashumi amane (40) ubudala isuka eLadysmith KwaZulu-Natal. Le ndoda iye yabhubhela kwikhaya layo phambi kokuba ifumane unyango.

Ngokwengxelo yeendaba zeSABC, kwezimbini iziganeko zokosuleleka zixelwe eRhawutini, kumadoda aneminyaka engamashumi amane nanthathu (43) kunye nengamashumi amabini anethoba (29) ubudala.

Isithethi seSebe uFoster Mohale uthi zisibhozo iimeko zolosuleleko  KwaZulu-Natal, zisixhenxe eRhawutini kwaye inye eNtshona Koloni.

“Isebe lingathanda ukuthomalalisa uloyika olunokuthi lubekho eluntwini malunga nokuthintelwa kweentshukumo zotyelelo ngenxa yesifo seMpox ngoba iWorld Health Organisation ayikawuphi umyalelo wokuthintelwa kweentshukumo zotyelelo. Nangona kunjalo, kubalulekile ukuba abantu abathanda ukutyelela amazawe kumazwe apho kukho isifo seMpox bakhawuleze bandwendwele umthola mpilo ukuze bahlolwe.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.3 ° C
11.3 °
11.3 °
87 %
2.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA