Abacuphi be-SAPS Algoa Park bafuna uncedo kuluntu ekukhangeleni indoda eneminyaka engamashumi amahlanu nanye (51) ubudala exhwilwe ngaphandle kwendawo yayo yokusebenza ngale ntsasa yanamhlanje (19) eyeKhala 2024.
Ngokweenkcukacha, kutyholwa ukuba uCalvin Naidoo ebeme kwindawo asebenzela kuyo ngentsimbi yesithandathu (06h00) kusasa, kwindela iLindsey, eKorsten, ngethuba imoto yohlobo lweNissan NP200 yangqubeka kwisithuthi sakhe imnyanzela ukuba amise. Kwamisa enye iveni emva kwakhe, ze kwaphuma abarhanelwa abahlanu ebebenxibe iibhalaklava. Bamkhupha kwimoto yakhe iMercedes Benz bamfaka ngenkani kwiveni bahamba.
Abarhanelwa bayishiye apho iNissan NP200 kunye nemoto yakhe iMercedes Benz kwindawo yexhwayelo, kwaye kuphando, kwafunyanwa ukuba le Nissan NP200 yabikwa ukuba yaxhwilwa eMotherwell ngoJuni ka-2024.
Unobangela wokuxhwilwa awukacaci okwangoku nangona kunjalo uphando lwamapolisa luyaqhubeka.
Amapolisa aphanda ityala lokuxhwila kwaye acela nabani na onokunceda ekukhangeleni uMnu. Calvin Naidoo. Lonke ulwazi luyakugcinwa luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

