Bamalunga nesibhozo (8) abarhanelwa abarhanelwa ukuba babulale umntu otyholwa ngusomashishini nabanye abantu abane ekucingelwa ukuba bangubhuti noonogada abangaziwayo ubudala, baphantsi kwengxwaba-ngxwaba emva kohlaselo olumasikizi lwaba bahlanu ngenjikalanga yangoLwesihlanu malunga nentsimbi yesihlanu nemizuzu elishumi elinesihlanu(17:15), ngomhla wesixhenxe kweyeSilimela 2023, kwindlela yelizwe uN2, kufutshane nesiphambuka saku Tsolo.
Uphando lokuqala ludize ukuba iimoto ezimbini iMercedes bendz kunye neToyota double cab beziqhuba kuhola wendlela uN2 osingisa ngakuQumbu ngethuba kuthe kwathi gqi abarhanelwa abamalunga nesibhozo ababexhobe ngemipu baza badubula imipu kubahlali bezi zithuthi zimbini. Ngethuba lesi sehlo, abantu abathathu abaswelekileyo ekukholelwa ukuba bangoonogada abebekhaphe umqhubi weMercedes Bends bahlulwe izixhobo ngabarhanelwa ze bathathwa yonke imipu neeselula zabo. Bobabini, umqhubi weMercedes ugobe kunye nomkhweli wakhe ochazwe njengomntakwabo, kutyholwa ukuba babhubhele kwindawo yolwaphulo-mthetho
Abarhanelwa abangaziwayo babaleke ngeenqwelo-mafutha zabo, i-double cab Ford Ranger kunye ne-single cab Toyota bakkie ukuya ngakuQumbu. Iimeko ezikhokelele ekudutyuleni ziphantsi kophando. Amapolisa abhalise amatyala amahlanu okubulala kunye nokuphanga kuxhotyiwe. Akakabikho obanjiweyo okwangoku.
Umkomishinala wephondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uvakalise umothuko ngokubulawa kabuhlungu kwaba bantu bahlanu kwaye uyalele ukuba kulandelwe kwaye kubanjwe abenzi bobubi. “Le asiyonto ngaphandle kwesenzo senkohlakalo eyenziwa ngabaphuli-mthetho abangenantliziyo abangabukhathalelanga ubomi babantu. Ndiqinisekisa wonke umntu, abarhanelwa bangabaleka kodwa baza kufunyanwa kwaye baphendule ngezenzo zabo ezibulalayo”, utshilo uLieutenant General Mene.
Nabani na onolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa abajongene nezi zenzo zokubulala, uyacelwa ukuba aqhagamshelane nezikhululo zamapolisa akuTsolo nakuQumbu okanye atsalele umnxeba kule nombolo: 08 600 10 111.