Amapolisa aseGqeberha aphanda ityala lokubulala nokubiwa kweemoto ezintathu emva kokuba abantu abathathu abathinjiweyo befunyenwe bedutyulwe babulawa ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kuTshazimpunzi.
Isithethi samapolisa uKapteni uSandra Janse van Rensburg uthi imizimba yamaxhoba, aphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) namashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala, ifunyenwe emahlathini kufutshane neBethelsdorp.
Uthi ngokwamapolisa, esi siganeko siqale ngeCawa ebusuku eKwanobuhle xa ummangali ebika ukuba abarhanelwa abahlanu abangaziwayo, ababini kubo bexhobile, basondela kwiqela elalihleli ngaphakathi kwiMazda 323 emhlophe.
Abarhanelwa bafune imali kunye neefowuni ngaphambi kokuba omnye alawule imoto aze aqhube eqhuba kunye nabantu abathathu ababengaphakathi.
Ummangali washiywa ngasemva.
Imoto kamva yafunyanwa ishiywe e-Algoa Road.
UKpteni uJanse van Rensburg uthi ngoMvulo, malunga nentsimbi yeshumi elinanye (-11:00), amalungu esipolisa abizelwe kwindawo yesehlo eBushes ecaleni kwe-Old Uitenhage Road kufutshane neSalt Dams, apho kwafunyanwa khona imizimba yamadoda amathathu amadala.
Uthi ababini bafunyenwe belele kufutshane, ngelixa owesithathu sifunyenwe kwiimitha ezimbalwa emva kokuba amapolisa elandele umkhondo wegazi.
Amagama abantu ababhubhileyo asankonyiwe, kwaye akukho mtu ubanjiweyo okwangoku.
Nabani na onokuba nolwazi uyacelwa ukuba aqhagamshelane neCrime Stop ku-08600 10111.

