Amapolisa akuTsolo afumene umpu ongena mpepha-mvume, emva kokudubula umrhanelwa ekutyholwa ukuba ebene ngxowa ebigcwele imipu.

Amalungu aphuma kwiTactical Response Team aye akhawuleza ukulandela umkhondo abawufumeneyo malunga nendlu ethile ebekukholelwa ukuba inengxowa ezele yimipu kuLawulo lwaseMagutywa, kuTsolo ngoLwesine, umhla weshumi elinesibini (12) kweyoMsintsi 2024.

Amapolisa aye akhawuleza athatha amanyathelo malunga nolwazi kwaye akhawuleza enza umsebenzi wawo. Baqhubele endlini apho bafike bankqonkqoza akwaphendula. Xa benkqonkqoza kwelinye igumbi, akwabikho mntu usabelayo, banyanzela ucango ukuba luvuleke bangene ngaphakathi.

Ngokolwazi, ngabo bebephakathi kweli gumbi, bafumene indoda eneminyaka engamashumi amahlanu anesibini (52) ubudala ephethe umpu. Ngoko nangoko umrhanelwa uye wakhomba emapoliseni ngompu apho athe amapolisa amdubula ze wabe kanti uyabhubha. Waswelekele kwindawo yenxwayelo ngoko nangoko.

Kufunyenwe umpu ongena mpepha-mvume kunye neembumbulu. Kuvulwe idokethi lophando kuTsolo emapoliseni kwaye liza kuphandwa liCandelo loPhando lwamaPolisa eliZimeleyo (IPID).

UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uyakuthakazelela ukuba amapolisa aluxabisile ulwazi olwabiwe luluntu.

“Oku kunika umyalezo ocacileyo kubenzi bobubi wokuba amapolisa ezimisele ukulwa nokuthintela ubugebenga eluntwini,” uvale ngalo mazwi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17 ° C
17 °
17 °
65 %
4.8kmh
96 %
Wed
20 °
Thu
19 °
Fri
21 °
Sat
23 °
Sun
28 °

EZITHANDWAYO INDABA