IGcinwe eluvalelweni indoda etyholwa ngokuzityisa kunye nonyana wayo ityhefu.

Igcinwe eluvalelweni indoda yaseMntla Ntshona ngethuba ivele phambi kwenkundla kamantyi eStillfontein eMntla Ntshona ngetyala lokubulala, emva kokutyholwa ngokutyisa unyana wayo oneminyaka emibini ubuncinci ityhefu.

Kuhlaziyo, isithethi samapolisa ephondo kuMntla Ntshona, uLieutenant Colonel Amanda Funani uthi uLerato Thobatsi oneminyaka engamashumi amathathu ubudala uvele enkundleni ngoMvulo ngokubulala unyana wakhe oneminyaka emibini.

“Ityala lakhe lihlehliselwe uMvulo umhla weshumi elinesithandathu kweyoMsintsi ukuze afake isicelo sebheyile ngokusesikweni,” utshilo uFunani.

Amapolisa athi uThobatsi wohlukene nomama wabantwana bakhe.

“Le ndoda yaya kwikhaya lentombi yayo eKanana ngaseKlerksdorp efuna ukuba anikwe abantwana bakhe abathathu, abaneminyaka esibhozo, emine kunye nemibini,” utshilo.

Ngosuku olulandelayo, eli bhinqa lathi abantwana banokutyelela uyise, ukuba nje umnakwabo uhamba nabo.

UFunani uthe bakufika lo bhuti nabantwana kwaThobatsi, indoda eneminyaka engamashumi amathathu ubudala yayalela umalume wabantwana ukuba ahambe.

“Umalume wemka nomntwana oneminyaka emine ubudala, wabashiya ngasemva abafana ababini,” litshilo amapolisa.

Kuthe ekuhambeni kwexesha utata wafowunela umama wabantwana emxelela ukuba kukho into azakuyenza.

“Lo mama emva koko watsalela umakhulu wabantwana owamazisa ukuba basendleleni eya esibhedlele emva kokuba umrhanelwa etyhole ukuba uzidlise ityhefu yena nabantwana ababini,” utshilo uFunani.

Umntwana oneminyaka emibini ubudala wagula kwaye kwafunyaniswa ukuba umntwana omdala akazange ayiginye ityhefu.

“Oyena mntwana umncinci ubhubhele esibhedlele kwaye utata wakhe wabanjwa emva kokuba ephumile esibhedlele,” utshilo uFunani.

Umkomishinala wamapolisa ephondo kuMntla Ntshona uLieutenant General Sello Kwena usigxekile esi sehlo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA