Amapolisa aseMpuma Koloni abambe abanye abarhanelwa ababini ngokubulawa kukaConstable Callan Andrews.

Amapolisa abambe amanye amadoda amabini malunga nokubulawa kwepolisa laseGelvandale, uConstable Callan Andrews.

Isithethi seCandelo loBugebenga obuPhambili (Hawks), uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthi abarhanelwa, bobabini abaminyaka ingamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala, babanjwe babekwa ityala lokubulala nokuphanga.

UMhlakuvana uthi amapolisa aqale abamba amapolisa ngomhla wesine kweyoMqungu, nangona kunjalo, umntwana oneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala uye wakhululwa nanjengoko engenakunxulumana nesi senzo sokubulala. Knati omnye oneminyaka elishumi elinesixhenxe (17) ubudala usavalelwe.

“Uphando olunzulu olwenziwa ngooKhetshe lukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa eGqeberha, kwaye kulindeleke ukuba bavele enkundleni okokuqala phambi kwenkundla kamantyi waseGelvandale ngomhla wesibhozo (08) kweyoMqungu 2025. Nangona kunjalo, iinkcukacha ezithe vetshe ngalo mcimbi azizukuchazwa okwangoku, njengoko lo mcimbi usaphandwa,” utshilo.

U-Andrews wabulawa emva kokusabela kwisikhalazo kwindlela iVoisen eKatanga, eGqeberha.

OoKhetshe bathi uAndrews waphangwa ze wadutyulwa ngompu wakhe.

“UAndrews wabalekiselwe kwesona sibhedlele sikufutshane nalapho wafika wabhubha ngenxa yenxeba lembumbulu,” utshilo uMhlakuvana.

Ibambela lentloko yeeHawks ephondweni, uBrigadiya Fernando Luis, uncome iinzame ezidibeneyo zeqela ngomsebenzi omkhulu owenziweyo ngexeshana elifutshane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA