Amapolisa aseMpuma Koloni akhangela abarhanelwa abane emva kokuba indoda ebihamba ngemoto kuhola wendlela uN2 ngaphandle kwaseMakhanda yenzakele ngokumanyumnyezi kukudubulana ‘kuhanjwa ngeemoto’.
Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Naidu, uthi oku kwenzeke ngentseni yangoLwesihlanu ngethuba uSolumzi Mdlaka oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) ehlaselwa ngethuba eqhuba imoto phakathi kweMakhanda eNgqushwa.
Uthe bebesuka eGqeberha besiya kumtshato eMthatha.
UNaidu uthi umqhubi uye wehlisa isantya esiya kudlula kwezinye ii-speed humps ngethuba kumisa iVW Polo eneefestile ezimnyama ecaleni kwayo.
Kwadubula izithonga ezimbini ngasemva emotweni zabetha uMdlaka esibunzi.
Wabalekiselwa esibhedlele eMakhanda ze emva koko watshintshelwa kwisibhedlele saseGqeberha nalapho abhubhele khona ngentsasa yangoMgqibelo.
“Abarhanelwa abaziwa okwangoku kwaye isizathu siphantsi kophando,” utshilo uNaidu.
Uthe bakholelwa ukuba nguMdlaka ibingoyena mtu abanqevu bebehambele kuye.
UNaidu uthe amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise kuphando okanye onolwazi apho abarhanelwa banokubanjwa khona, ukuba aqhagamshelane namapolisa eCommittee Drift.