By Esona Magawana.
Ngomhla okhankanywe ngasentla, malunga nentsimbi yesibini (14:00) ngenjikalanga, amalungu eSAPS Kwazakele alandele iinkcukacha ngelixa esendleleni eya kwisitalato iMeke, aqaphela iqela labantu ePaarl Street, e-Greenfields liphuma kwikhonteyina eya kumacala ohlukeneyo. Amalungu eSAPS aphendule kwangoko abamba abarhanelwa ababini ngaphakathi kwikhonteyina.
Ngexesha lokugqogqwa kwekhonteyina, bafumene iingxowa ezingamashumi amabini (20) ezineAbalone.
Iyonke i-338.3k ye-abalone emanzi enexabiso eliqikelelwa kumakhulu amathathu anamanci mane amawaka eerandi (R340 000.00) ithinjiwe. Abarhanelwa ababini abaneminyaka engamashumi amathathu ananye (31) kunye namashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala bavalelwa ngezityholo zokutyeshela uMthetho weZibonelelo eziPhila eLwandle, weshumi elinethoba (19) ka1998 uMmiselo wamashumi amathathu anesithandathu (36) kwicandelwana lokuqala (1) ukuba ne-abalone kunye nomphambukeli ongekho mthethweni owaphula iCandelo lethoba 9(1) loMthetho 13/2002.
Bavele kwiNkundla kaMantyi eNew Brighton ngoMvulo weyokuqala (01) KweyoMsintsi.
UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMajor General Vuyisile Ncata uphinde wathi izenzo zolwaphulo mthetho ngeAbalone ziyinkxalabo enkulu kwaye wancoma amalungu eSAPS ngokuphaphama kwawo ekubambiseni aba barhwebi. Ukuzingela ngokungekho mthethweni ezintlanzi kunokuba nempembelelo embi kakhulu kwizilwanyana ezisengozini, ngoko imizamo yokubamba abo babandakanyekayo ibalulekile.
Ngokubamba abazingeli be-abalone, amagosa ethu akagcini nje ngokugcina umthetho kodwa athumela umyalezo ongqingqwa wokuba izenzo ezingekho mthethweni ezinje azina kunyanyezelwa,’ walumkisa uMaj Gen Ncata.

