Umqa womele ephinini kubahlali bendawo yakwaSobuza, phantsi koMasipala wasekuhlaleni i-Mbhashe eDutywa, bakhala ngokuphila ubomi bentshontsho ngenxa yengxwaba-ngxwaba yomhlaba abahlala kuwo.
Oku kulandela amabango awenziwe liqela labantu ekuthiwa livela ePakistan elibanga ukuba lithenge lo mhlaba kumasipala.
Nangona kunjalo, abahlali bathi akukho ziqinisekiso zicacileyo ngokusemthethweni ezithethelela amabango awenziwe leliqela
Kuthiwa le ngxabano iqale kwantlandlolo xa abantu abangaziwayo baqala ukuvela kule ndawo bezibiza njengabanini bomhlaba, ze bazisa nelinye iqaqobana labantu abathi bangamalungu entsapho yakwaSobuza. Abahlali bathi aba bantu bafika rhoqo, ngabanye amaxesha amaninzi behamba namadoda axhobileyo, befuna imali yerente kubahlali.
Ukanti abahlali bathi le meko ibenze bahlala exhaleni besoyikela ukhuseleko lwabo.
Batyhola ukuba sele behlawule irente kubantu abangengabo abanini bomhlaba, nto leyo ebashiye bengaqinisekanga ngekamva labo.
Abahlali ngoku bafuna uncedo olungxamisekileyo kumagosa ajongene nokuhlaliswa kwabantu, kunye neofisi ezichaphazelekayo ukuze kuqinisekiswe ngokusemthethweni ukuba ngaba lo mhlaba wathengiswa ngenene okanye akunjalo.
Ukanti bakwagxeka izithethi zoMasipala waseMbhashe, besithi zinika iinkcazelo ezingahambelaniyo malunga nalo mba.
Abahlali babongoza urhulumente ukuba angenelele ngokukhawuleza ukuze kupheliswe ukungaqiniseki nokubuyiselwa uzinzo kule ndawo.

