12.5 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

Amaxhoba ezikhukula eMpuma Koloni akhale ngoku ngancedwa ngurhulumente.

Amaxhoba ezikhukula kwingingqi yaseDuncan Village eMonti, eMpuma Koloni, athe izolo asalindele ukufumana uncedo kurhulumente, emva kokushiywa bengenamakhaya ngenxa yezikhukhula zakutsha nje. 

Ngokwengxelo yeendaba zeSABC, abahlali batyhola ngelithi endaweni yokuba bancediswe nguCeba wale wadi yabo ubakhalimele ngelithi bakhe amatyotyombe kwindawo ephantsi engalungelanga kukwakhiwa kwezindlu ethanda ukukhukuliseka. Bakwathe akukho namnye kwiziphathamandla zikamasipala okhe wafika kule ndawo.

Umhlali uNontsikelelo Selani uthe abancediswa tu.

“Asikhange sifumane nto, kwanengubo le okanye ezinye izinto. Sivile ukuba kukho abantu abanike amanye amaxhoba izinto ezifana neepasile zokutya nezinye izinto, kodwa khange beze kule ndawo yethu.”

Iindaba zeSABC ziqhube ngelithi, isithethi sikamasipala waseBuffalo City uSamkelo Ngwenya, umemelele abo bangekafumani ncedo ukuba baye ngaphambili.

UNgwenya uthe, “Nangona sifuna ukugxininisa ukuba abantu mabangakhi kumhlaba ongafanelekanga ukuba kwakhiwe kuwo, kodwa ayiloxesha lothetha lo nto ngoku. Okubalulekileyo ngoku kukuba sibabonelele abantu bethu kwaye siqinisekise ukuba siyababonelela ngeemfuno zabo.”

“Sicinga ukuba kulilishwa ukuba kubekho iingxelo ezinje ngoceba othe wathetha ngolu hlobo, siza kuthethana naba bantu kunye noceba ochaphazelekayo kwaye ndiqinisekile ukuba siza kufumana isisombululo ngoxolo.”

SourceSABC News

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
82 %
1.2kmh
97 %
Sat
12 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks