Home Ezemfundo AmaXhosa Education Awards eDutywa

    AmaXhosa Education Awards eDutywa

    IKumkanikazi yamaXhosa uNonzuzo Sigcau nesigqeba sakhe seNxili yoMfazi besebenzisana neWomen’s desk, ngolwesine(18 August 2022) bebebambe umsitho wokuwongwa kooTitshala nabafundi.Amaxhosa Education Awards bezibanjelwe eKing Hintsa TVET college eDutywa, ingumsitho obuzinyaswe ngabaninzi abasebagunyeni kuquka neKumkani yamaXhosa uVulikhaya Sigcau, Kumkanikazi yamaMpondomise, ooCeba boMaspala waseMbashe kunye neemvumi zasekhaya.

    Isigqeba sendlu yakwaXhosa nephantsi koNonzuzo Sigcau sithi oku kuyinxalenye yeNkqubo yezeMfundo eqhutywa nguKumkanikazi kwaye ipakishwe ngenjongo yokunika ingqalelo kootitshala abagqwesileyo iwonga ngeenkonzo zabo kumsebenzi wabo kunye negalelo labo eluntwini.

    Bakwathe ingcinga yokuxabisa nokuqaphela ootitshala ayikokubhiyozela iinzame nempumelelo yabo kuphela, koko ikwamalunga nokubabonisa inkxaso nokuqinisekisa ukuba icandelo lezemfundo aliphulukani nokubalasela kwalo kumbindi wokwakha uluntu loMzantsi Afrika neMpuma Koloni.

    Iinkokeli ezahlukeneyo zakwalizwi nazo beziyinxalenye zisitsho ngodlwabevu lomthandazo ukulwa zonke iingxaki zokuxhatshazwa kwamanina nabantwana.

    Ikumkani fm ibibhexesha kwezikanomathotholo nakumakhasi ezonxibelelwano ukuqinisekisa ukuba abantu abangakwazanga ukuza kulomsitho abaphoswa.


    Uluntu lwaseDutywa neziphaluka bebephume ngobuninzi ukunika imbeko kulomsitho kwaye kukho nezikolo nazo ebezimenyiwe.


    Iimbasa zihanjiswe ngoluhlobo:

    Achievement Awards

    AWARD CATEGORY

    NUMBER OF AWARDS

    NAME & SURNAME

    Best Academic school Award 2021

    1

    Mazizini  S.S.S.      ,-.  Dutywa

    Best Student Leader Award 2021

    1

    Matheza Inako.      -. Xolilizwe

    Best Educator Award 2021

    ( Creative Art’s)

    1

    Mbhukuqu Ntombizanele. (Bangiso) Dutywa

    Best Student Award 2021

    1

    Maqoqa Gcina. -+ Ndabankulu

    Best Creative School Award 2021

    1

    Bangiso S.P.S.

    Best Sports School Award 2021

    1

    Luzipho S.P.S. – Butterworth

    Best Principal award 2021

    1

    Mr. Butshingi

    Special QUEEN NONZUZO

    Excellence Award

    (Former students that continue to play a Vital Role in the Education Sector)

    2021

    3

    Mr Nyathela

    Special KING VULIKHAYA

    Excellence Award

    (Retired Educators that continue to be involved in the Education sector)

    2021

    3

    Life Time Achievement Award 2021

    3

    Mr Nyatela

    Best Education Development officer 2021

    1

    Mrs Ngozi

     

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks