By Sophumelela Singqotha
UMasipala ombaxa wesixeko saseBuffalo City Metropolitan Municipality (BCMM) unebhongo ngokwazisa ukuba iGonubie Beach kunye neKidd’s Beach ziwongwe ngobume bePilot Blue Flag Status yiWildlife and Environment Society of South Africa (WESSA) kwisizini ezayo.
IPilot Blue Flag Status linyathelo elibalulekileyo elisingise ekuphumezeni ulwamkelo olupheleleyo lwe Blue Flag, ileyibhile eyaziwayo kumazwe ngamazwe enikezelwa kwiilwandle ezihlangabezana neyona migangatho iphezulu yolawulo lokusingqongileyo, umgangatho wamanzi, ukhuseleko, iinkonzo kunye nemfundo ngokusingqongileyo.
Olu qwalaselo lunika ingqalelo kwiinzame eziqhubekayo zika masipala zokuphucula umgangatho, ukhuseleko, kunye nokuzinza kokusingqongileyo no nxweme lwethu ngeli lixa ekhuthaza ukhenketho olunenkathalo kunye nolawulo lokusingqongileyo.
Phantsi kwenqanaba lokulinga, i-BCMM iza kuqhubeka isebenza ngokusondeleyo ne-WESSA kunye nabanye abachaphazelekayo abaphambili ukuqinisekisa ukuba zonke iinqubo ze-Blue Flag zifezekisiwe ngokupheleleyo.
Oku kuquka ukuphuculwa okuqhubekayo kwezibonelelo zaselwandle, ukujonga umgangatho wamanzi, ulawulo lwenkunkuma, kunye neenkqubo zokwazisa uluntu.
Usodolophu wesigqeba uCllr Princess Faku uthe iBCMM izimisele ukuhlangabezana newonga leBlue Flag. “Siyazingca kakhulu ngale mpumelelo, njengoko ibonakalisa ukuzibophelela kwethu ekugcineni nasekomelezeni ubuhle bendalo kunye nemfezeko yokusingqongileyo kunxweme lwethu. Ukunikezelwa kwePilot Blue Flag Status kwiGonubie naseKidd’s Beach kubonisa ukuba sisendleleni elungileyo ekuphumezeni ulwamkelo olupheleleyo lweBlue Flag,” utshilo.
Uthe olu qwalaselo lukwaqinisekisa isikhundla sesixeko njengendawo ezinzileyo nenomtsalane yokhenketho.
“Amalwandle ethu ayiyondawo yokuzonwabisa nje kuphela kodwa akwabalulekile kwaye kufuneka siwakhusele kwizizukulwana ezizayo, siza kuqhubeka nokutyala imali ekuphuculeni iindlela zokulawula unxweme, siqinisekise ukhuseleko nokukhuthaza imfundo ngendalo esingqongileyo phakathi koluntu lwethu neendwendwe.”
I-BCMM ikhuthaza abahlali kunye neendwendwe ukuba ziqhubeke nokuxhasa ezi nzame ngokugcina iilwandle zethu zicocekile, ngokuhlonipha okusingqongileyo, nokuthatha inxaxheba kumalinge olondolozo lwengingqi.

