Kubhubhe abanantu abahlanu(5) kwingozi yemoto eGqeberha

Bahlanu-(5)bebonke abantu ababhubhileyo logama ababini (2)befumene ukonzakala emveni kokuba iimoto ezimbini zingquzulene kuhola wendlela uM4 eGqeberha.

Izithuthi ezibini zohlobo lweSUV, ngobusuku baphezolo(31/10),ziye zabandakanyeka engozini emasikizi kuhola wendlela uM4 ukusuka eSummerstrand ukuya kuN2 Freeway eGqeberha.

I-Captiva SUV enabantu abane, umqhubi oyindoda omdala nabantwana bakhe ababini abebesuka eSummerstrand besingise ngakwindlela uN2, kunye neNissan Qashqai enabantu abangooMama abasele bekhulile, ibisuka kwicala lika-N2 elisingise kwicala laseSummerstrand.

Bonke abakhweli abane kwiQashqai, babhubhele kwindawo yexhwayelo, kunye nomqhubi oyindoda we-Chevrolet Captiva.

Ukanti abonzakeleyo bebephuma kwiCaptiva ekukholelwa ukuba ngabantwana bomqhubi oyindoda lo uthe wasweleka, bona ke babalekiselwe kwisibhedlele saseLivingston ukuze bafumane uxilongo noncedo lokuqala.

Oyena nobangela wale ngozi awukaziwa okwangoku.

Idokethi lokubulala ngokungena njongo livuliwe eMount Road Saps ukuze kuphandwe ngokwenzekileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA