13.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

Badibene nembila zithutha otsotsi abe eyokulanda imali kosomashishini baseStutterheim

Igqiza leProvincial kidnapping Task Team yeebutho lookhetshe eMonti kwicandelo leSerious Organised Crime Investigation (SOCI) ngokubambisana neProvincial Local Record Centre (LCRC) kwakunye neMagma Security babambe abarhanelwa ababini abaphakathi kweminyaka (38) no(40) ngezi zityholo zokuphanga, ukuzama ukubulala, ukuba nemipu nembumbulu ngeCawe.

Ukanti omnye otyholwa nabo ubhengezwe njengosweleke kwindawo yexhwayelo ngethuba lokudubulana namapolisa. Ngomhla we-12 ku-Agasti ka-2023, igqiza elisebenzayo lalandela iinkcukacha ezityhola abarhanelwa ukuba babekwiphulo lokuqokelela imali njengentlawulo yokhuseleko kumashishini abantu bamanye amazwe eStutterheim. Ulwazi ludize ukuba abarhanelwa bebeyokulanda imali kwaba basemzini ngale mini kwaye eli qela beliceba uqhaqho.

Kutyholwa ukuba abarhanelwa abazange bangene ukuze kuqokelelwe imali ebizwa ngokuba yimali yokhuseleko kumashishini njengoko bekucwangcisiwe kwaye iqela larhoxa. Ngosuku olulandelayo, umhla we-13 ku-Agasti 2023, igqiza lokuxhwila le-DPCI lifumene ulwazi kwakhona lokuba abarhanelwa babeza kuqokelela imali kumashishini ekujoliswe kuwo kwaye umsebenzi waqaliswa kwakhona. Kwakhona kuxelwe ukuba ngenene amashishini athile abe nentlawulo yokhuseleko ehluthwe ngempumelelo kuwo. Amapolisa awayegadile asondela kubarhanelwa. Nangona kunjalo, kuvakala ukuba kuthe xa kusondela amapolisa, abarhanelwa baqalisa ukudubula bebhekisa emapoliseni kwaza kwabakho ukudubulana. Abarhanelwa ababini bonzakala ngethuba betshintshiselana ngeembumbulu. Omnye udutyulwe engalweni waza wasiwa esibhedlele logama umrhanelwa wesibini wabulawa.

Umrhanelwa wesithathu ubalekile kwindawo yexhwayelo eqhuba isithuthi sakwaRenault esisiliva esisingise eQonce. Amapolisa afumana imipu emibini, kwindawo yexhwayelo eyayiyeyabarhanelwa apho zombini iinombolo ezilandelelanayo zakhutshwa. Ukanti Imali eyayiqokelelwe kumashishini yafunyanwa nayo. Imoto ebisetyenziswe ngumrhanelwa wesithathu ukuphepha ukubanjwa ifunyenwe emva kokubandakanyeka kwingozi apho ingqubene nehashe phakathi kweStutterheim neQonce. Umrhanelwa wonzakele kakhulu ngethuba lengozi kwaye wangeniswa esibhedlele phantsi kweliso lamapolisa. Bobabini abarhanelwa kulindeleke ukuba bavele kwiNkundla kaMantyi yaseStutterheim kamsinya nje bakuba bechacha kuhle.

INtloko yeebutho looKhetshe kwiPhondo leMpuma Koloni uNjengele Mboiki Obed Ngwenya uvuyisene neqela lephondo elichopheleyo kunye neMagma Security ngenyathelo elikhawulezileyo lokubamba abo barhanelwa bathatha imali ngenkohlakalo kumashishini ephondo ngokuzisa ezincwadini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
13.6 ° C
13.6 °
13.6 °
89 %
2kmh
20 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
28 °
Sun
24 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks