16.2 C
King William's Town
Wednesday, October 9, 2024

Ingxaki yamanzi ethwaxa idolophu yaseMakhanda

Ulibaziseko ekuphuculweni kwendawo yokucoca amanzi iJames Kleynhans eMakhanda eMpuma Koloni ngunobangela wokukhathazeka kwisebe lezamanzi nogutyulo.

Umphathiswa uSenzo Mchunu uqukumbele utyelelo lweentsuku ezimbini ephondweni eMakhanda ngokongamela, nalapho athe wavavanya lo msebenzi. Uhlaziyo lwaphunyezwa ngo-2015 kodwa lufumene ukulibaziseka okuninzi.

Kusenjalo, abahlali baseMakhanda bathwaxwa kukunqongophala kwamanzi ngenxa yokunqongophala kwamandla onyango. Le projekthi ibizakugqitywa ngoMatshi walo nyaka. Umhla wokugqibela ngoku nguDisemba ngenxa yeengxaki malunga neekontraka.

UMchunu uthi lo mba ukhathaza kakhulu. Esithi Ulibaziseko luxhalabisa kakhulu kuba ayilolizwe likazwelonke elichongayo, kukho abathathi-nxaxheba abohlukeneyo kwaye lo mba uyenzeka nakwabanye oomasipala. U Mchunu uthi Lo ngumba ekuya kufuneka bawuxoxe kwaye baqinisekise ukuba kuqeshwa iikontraka ezinobuchule. Ukuba abagqibi ngexesha, kufanele kubekho iziphumo.

Nangona kunjalo, abahlali baseMakhanda banethemba lokuba le projekthi iza kuqukunjelwa kungekudala, nanjengoko besaqhubeka nokuhlala befumana amanzi ngamaxesha.

Ukanti abahlali baxhalatyiswa kUkuba xa uhamba ngezitrato usenokubona ilindle liphuma kwimibhobho egqabhukileyo okanye itephu evuzayo, akukho mntu uyihoyayo loo nto.

Kusenjalo I-James Kleynhans Water Treatment Works iyasebenza kwaye ibonelela malunga ne-10 yee-mega-litha zamanzi ngosuku, ndawonye ne-Waainek Treatment Plant, nto leyo iyonelisi imfuno yabantu.

USodolophu woMasipala waseMakana uYandisa Vara uthi bahlangabezana nemiceli mngeni yokugqibezela lendawo kodwa nangona bengekagqibi, angaqinisekisa ukuba babonelela ngeelitha ezilishumi zeemega-litha zamanzi ngosuku. Esithi Uninzi loluntu luyawafumana amanzi yonke imihla. USodolophu Ukwaveze ukuba Kukho abo basasokolayo kwaye kufuneka umasipala afumanise ukuba yintoni ingxaki.

Kutyelelo lokongamela kulo mmandla, uMphathiswa uMchunu ukwathe waphakamisa ungenelelo lweCandelo lama-63 isebe elilubeke kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay kunyaka ophelileyo xa lalisondele kusuku olungekhoyo ngenxa yembalela.

Eli nyathelo livumele umphathiswa ukuba azibandakanye ngokuthe ngqo kwinqanaba likamasipala ukuqinisekisa ukuba iinkonzo ezifana nokuhanjiswa kwamanzi zihlala zisebenza.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
45 %
0.5kmh
97 %
Wed
34 °
Thu
39 °
Fri
29 °
Sat
39 °
Sun
28 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks