Bafuna umvuzo weR20 000 kwaye abahleki nenye ehlakisayo ngoko.

Namhlanje ibilusuku lokukhunjulwa kwentlekele eyenzeka kwiminyaka elishumi(10) eyadlulayo, yokudutyulwa kubulawe abasebenzi mgodini eRustenburg eMarikana.

Umongameli weAMCU uJoseph Mathunjwa, nobesenza intetha kwesisikhumbuzo, ugxeke kabukhali uMongameli weli uCyril Ramaposa ngokusilela ukwenza iinzame zembuyekezo kwiintsapho ezachatshazelwa kukubulawa kwamalungu abo ngamapolisa ngethuba beqhankqalaza eMakana. Ukwathe lokaRamaposa akazange enze kwaneenzame zokuxolisa kwezintsapho ukuzothi gaa ngoku.

Ababasebenzi mgodini babeqhakqalazela ukunyuselwa imivuzo yabo kumgodi iLonmin oseMarikana ngaphandle kwaseRustenburg. Oku kwenzeka ngomhla we(16 August 2012) ukanti uJoseph uthi, bazakulwa kubemanzi isali ukuze olusuku lubeyiholide, nezaluba sisikhumbuzo ngokubulawa ngokungenalusini kwababasebenzi ngamapolisa oMzantsi Afrika.

Amaqela ezopolitiko nabezimase esisikhumbuzo, avakalise udano, nabo bekhomba umnwe ngakumongameli ukugxeka izenzo zakhe.
Izihlobo nezalamane zabo babhubhayo ngolusuku, zicetyiswe ukuba zingakamkeli uncedo oluvela ebantwini abazama ukubanceda kodwa iinjoko zabo izezokukhohlisa kunokunceda.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.8 ° C
13.8 °
13.8 °
88 %
2.4kmh
0 %
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °
Sun
18 °

EZITHANDWAYO INDABA