Bahlanu abarhanelwa ababanjiweyo ngokufunyanwa nangokushishina ngeziyobisi ngoLwesithathu

By Nyameka Lamani .

Kubanjwe abarhanelwa abahlanu(5) abaphakathi kweminyaka elishumi elinesibhozo(18) namashumi amathathu(30) ubudala ngenj’ ixukuxa ngosuku lweshumi(10) kweyoMnga ka 2025, ngamapolisa abonakalayo(Vispol) aseMiddelburg, kunye necandelo elithintela ulwaphulo-mthetho kunye necandelo lezinja ze babekwa ityala lokufunyanwa nokuqhuba ishishini le ziyobisi nokufunyanwa nepropati ebiweyo.

Amapolisa afumana umkhondo ngomhla westhoba(09) kweypMnga ngendoda ekurhaneleka ukuba ithengisa iziyobisi kumzi othile eMiddelburg. Ukufika kwawo kuloo ndawo, afumana amadoda amabini, aneminyaka elishumi elinesibhozo(18) namashumi amabini anesihlanu(25) ubudala. Afumana iziyobisi imandrax netik, nemali,nevesti yamapolisa yokuthintela iimbumbulune. Aba barhanelwa babini baza kubekwa ityala lokufunyanwa kunye nokuthengisa iziyobisi, kwakunye nokuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe.

Emva kwesi isiganeko sokuqala, abasemagunyeni basiwe kwenye idilesi apho barhanela ukuba kukho umthengisi weziyobisi owaziwayo. Kule ndawo, bafumene i-tik eninzi kwaye babamba abanye abarhanelwa ababini, abaneminyaka engamashumi amabini anesibhozo(28) kunye namashumi amathathu(30), abazakujongana nezityholo zokuba neziyobisi kunye nokuthengisa. Bobane abarhanelwa sithetha nje baseluvalelweni kwisikhululo samaPolisa saseMiddelburg kwaye bazakuvela enkundleni. Ukongeza, indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) yabanjwa edolophini neengxowa zentsangu ezingamashumi amabini anesibini (22) kunye nebhombu, kwaye kungekudala iza kujongana namatyala enkundleni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
92 %
1.9kmh
99 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA