Balishumi ababhubhe kumlilo otshise amatyotyombe eGqeberha

Kubhubhe abantu abalishumi emva kokuba kutshe amatyotyombe amabini eMpuma Koloni. Le mililo mibini eyahlukileyo ichazwe kuMasipala oMbaxa weBuffalo City (BCM) kunye neNelson Mandela Bay ngokulandelelanayo. Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi umlilo eBCM wenzeke ngentseni yangoLwesihlanu kumatyotyombe aseNdevana kufutshane ne-eQonce. Uthi umama onamashumi amane eminyaka ubudala nabantwana bakhe abathathu abaphakathi kweminyaka emithathu neshumi ubudala babhubhele kulo mlilo emva kokuba abamelwane bengakwazi ukuwucima lo mlilo.

UColonel Naidu uthi umlilo wesibini usube imiphefumlo yamalungu amathandathu osapho xa ikhaya lawo eMissionvale litshe ngentseni yangeCawe. Uthi kutyholwa ukuba kubhubhe abantu abadala ababini nabantwana abane kulo mlilo kodwa akaziwa amagama neminyaka yabo. UColonel Naidu uthi kurhaneleka ukuba unobangela walo mlilo unokuba kungenxa yokufakelwa kombane ngokungekho mthethweni, nangona kunjalo, oyena nobangela uzakuchazwa lisebe lomlilo. Amadokethi ophando avuliwe kuphando omabini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA