Uluntu kunye noRhulumente wePhondo bavakalise ukhwanqiseko kukuxhaphaka ngamandla kokuziphatha gwenxa kwabaqhubi kwiindlela zaseMpuma Koloni jikelele. Ngabantu abalithoba -9 bephelele abathe baphulukana nobom kwingozi zendlela ngoMvulo wanamhlanje uwodwa.
ISebe lezoThutho leMpuma Koloni livakalise ukudandatheka nokuxhalaba emveni kokubhubha kwabantu abalithoba ngemini enye kwindlela zePhondo ngoMvulo umhla we-24 November. Oku kwehle kwingozi ezintathu ezahlukeneyo, kuquka ingozi echaphazele kunye nomntu obehamba ngeenyawo.
Eyona ngozi imbi yenzeke ku-N2 kufutshane nePhakade apho iKhombi eluhlobo lwe Quantum ebigcwele abakhweli ingquzulana neVolvo sedan, ze isihlanu sonke sabantu saphulukana nobom kwindawo yexhwayelo, ngelixa abathathu bonzakele kakhulu.
Kwesinye isiganeko, umntu obehamba ngeenyawo kufuphi ne-40 Junction ekuR61 kufuphi neTsomo uye wagiliswa wabhubha yiLori eluhlobo lwe-Tow-truck.
Ukanti ngentseni yanamhlanje kubhubhe abantu abathathu ku R63, kufutshane neMaqoma (eyayisakuba yiFort Beaufort) kwenye ingozi emasikizi.
UMphathiswa wezoThutho, uXolile Nqatha, uvakalise amazwi akhe ovelwano kwiintsapho ezichaphazelekayo waza wacela ukuba bonke abasebenzisi beendlela batshintshe indlela yokuziphatha ngokukhawuleza.
“Ukuphulukana nobomi kwabantu abalithoba namhlanje sisikhumbuzo esibuhlungu sokuba iindlela zethu zifuna ukuba sonke siqaphele kakhulu. Iingozi zongquzulwano lohlobo lwe-Head-On-Collision ezifana nengozi emasikizi eyehle kuhola wendlela u-N2 kufutshane nePhakade, ziphakathi kwezona zimbi kakhulu kuba azivumeli mpazamo. Sikhuthaza abaqhubi ukuba babe nomonde, baqaphele abantu abagqitha ngendlela, kwaye bahlale bephaphile ngamaxesha onke.
“Sixhalabile ngokufanayo kukwanda kwabantu abahamba ngeenyawo ababhujiswa ziindlela zethu. Ingozi ebi kufutshane neTsomo ibonisa kwakhona ukuba abaqhubi beenqwelo-mafutha kunye nabahambi ngeenyawo kufuneka babelane ngoxanduva lokhuseleko ezindleleni.
Abaqhubi kufuneka behlise isantya kwiindawo apho abantu bahamba khona, kwaye abahambi ngeenyawo kufuneka baqaphele xa benqumla ngendlela enobungozi kwaye basebenzise iindawo ezikhethekileyo zokuwela”

