By Sophumelela Singqota
Bangaphezu we-60% abantwana abangamaxhoba okubulawa kwaye babulawa ngabantu abazana nabo, ngokwengxelo entsha ye-Non-Profit Action Society. Le ngxelo, enesihloko esithi, “Ingxaki yolwaphulo-mthetho olujoliswe kubantwana eMzantsi Afrika: ukuhlaba ikhwelo loxanduva kunye nohlaziyo olukhawulezileyo,” iqaqambisa ukusilela kweenkqubo zokukhusela ezijoliswe ekukhuseleni abantwana. Iphuma kwinkcukacha-manani yoMzantsi Afrika, idatha ye-SAPS, kunye nokubandakanyeka ngqo kwamatyala ukubonisa inkqubo yobulungisa ewayo.
IAction Society ithi, “Ukususela kuthintelo loxhatshazo ukuya kumgangatho wophando kunye namaxesha otshintsho, iinkqubo zokukhusela ezenzelwe ukukhusela abantwana azisebenzi.” Le ngxelo idiza udlwengulo njengolona lwaphulo-mthetho luxhaphakileyo olujoliswe ebantwaneni, nomlinganiselo wama-87 kwi-100,000 ngo-2022 no-2023, kunye nokubulawa kwabantwana kuhleli kuzinzile kuma-700 ukuya kwi-1,000 ngonyaka kule minyaka ilishumi idlulileyo. Ukuxhwilwa kwabantwana kuye kwanda, ingakumbi KwaZulu-Natal, kunyuke ukusuka ku-11.7% yamatyala esizwe ngo-2015/16 ukuya ku-49.1% ngo-2019/20.
Le ntlekele iba mandundu ngenxa yokusilela okungaphaya kwama-200,000 eesampuli ze-DNA, ukumangalelwa okumisiweyo kunye noxinzelelo olude kwiintsapho. Le ngxelo ikwaveza malunga neenkcukacha: phantse ixhoba elinye kwabahlanu lingaphantsi kweminyaka elishumi ubudala, udlwengulo lumele ngaphezu kwe-50% yolwaphulo-mthetho olujoliswe ebantwaneni kwezinye izithili zaseLimpopo naseMpumalanga, kwaye amantombazana enza ngaphezu kwe-90% yamaxhoba okuxhwilwa kwabantwana.
Uninzi lokubulala abantwana lwenziwa ngumntu oqhelene nexhoba.
Isithethi sika-Ilitha Labantu uSiyabulela Monakali ucinge ngezi ziphumo, esithi, “Oku kwalatha ekuwohlokeni okunzulu kwezakhiwo ezikhuselayo ezijoliswe ekukhuseleni abantwana kwaye zibonise ukukhula kobundlobongela obuqhelekileyo okwenzeka kwiindawo apho kufuneka kubekho ukhathalelo.”
Urhulumente uza kuphehlelela iphulo leentsuku eziyi-16 zobutshantliziyo (16 days of activism campaign) phantsi komxholo othi “Letsema: Amadoda, Abafazi, Amakhwenkwe naMantombazana besebenzisana ukuphelisa ubundlobongela obusekwe kwisini, nokubulawa kwabasetyhini (i-GBVF),” kuphawula iminyaka engama-27 yasekwayo. Le ngxelo ibongoza iinguqu ezingxamisekileyo zokujongana nengxaki eyendele nzulu echaphazela abantwana boMzantsi Afrika kunye nokuqinisekisa ukhuseleko, isidima kunye nokuphila kakuhle.

