By Esona Magawana
UVusimuzi “Cat” Matlala, noseluvalelweni kungokunje, kulindeleke ukuba avele phambi kwekomiti yePalamente ethe yasekwa ukuba iphande ngezityholo ezenziwe yintloko yenkonzo yamapolisa oMzantsi Afrika (Saps) kwiphondo laKwaZulu-Natal uLieutenant-General Nhlanhla Mkhwanazi. Ubungqina bucwangciselwe umhla we26-28 KweyeNkanga 2025, kwaye buya kuba kwiziko loluleko iKgosi Mampuru.
Ukongeza kuMnumzana Matlala, ikomiti igqibe ekubeni imamele iGosa eliyiNtloko lezeziMali leSAPS, kunye noSekela-Mkomishinala weSizwe wezobuPolisa, uLt General Puleng Dimpane.
Isigqibo sokuya eKgosi Mampuru Correctional Centre eTshwane, eGauteng silandela isigqibo sekomiti kwaye sijonge ukuqinisekisa ukhuseleko lwamaqela abandakanyekayo kuphando. “UMnumzana Vusimuzi ‘Cat’ Matlala, oseluvalelweni kungoku nje, uzakube esenza ubungqina bakhe njengenxalenye yenkqubo,” utshilo uC.Ttee kwingxelo.
UMatlala, ekukholeleka ukuba nguye owayengumbhexeshi weR2 bhiliyoni yokuphangwa kwesibhedlele saseThembisa, wabanjwa kwinyanya ka-Tshazimpuzi ngezityholo zokuzama ukubulala owayesakuba yintombi yakhe uTebogo Thobejane ngo-2023. Ukwatyholwa ngokuba wenze iyelenqe noMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu lokuchitha iQela lePolitical Killings Task Team (PKTT).
Ubungqina bukaMatlala kulindeleke ukuba bubesisikhanyiso kwizityholo ezenziwe nguMkhwanazi malunga nokubakho,nokusebenza kweqela lolwaphulo-mthetho elityholwa ngokungena kumaziko omthetho kunye nezobuntlola eMzantsi Afrika. Uqhube wathi uMchunu uye waphazamisa uphando lwamapolisa olubuthathaka kwaye wasebenzisana noosomashishini kuquka no Matlala, ukuze kuchithwe iPKTT.

