Baphume ngobuninzi abazali babantwana bengingqi yaseGeorge eNtshona Koloni, bengxange ngaphandle kwamasango esikolo samabanga aphantsi iThembalethu Primary School.
Kaloku ababazali baseGeorge bachukunyiswe lushicilelo lwe video olubonisa umntwana wesikolo ezigqume ubuso lo gama oogxa bakhe besitya iPie neJuice. Kukholeleka ukuba olushicilelo luthatyathwe ngutitshakalazi obebonisa abazali abantwana abatyayo emva kokukhupha imali ye “Pie Day”. Kuvakala ukuba lomfundi ungatyiyo ebengenayo yena imali. Abahlali ke bathi olushicilelo sisenyeliso emtwaneni kuquka nomzali wakhe. Kwaye kunjalo nje, banyanzela ukuba isikolo sithathe amanyathelo angqingqwa ngakutitshala.
Ukuzakuthi ga ngoku, utitshala akakaveli okanye kukho amazwi avela kuye ngesisiganeko nangona iinzame zokuba avele ukuze aziphendulele ziphanzile.
Elinqaku lisaqhuba…

