ISebe lezoThutho laseMpuma Koloni liphinde laphakamisa inkxalabo enkulu emva kokubanjwa okuqhubekayo kwabaqhubi beenqwelo-mafutha ngenxa yokuqhuba benxilile ngelixesha landulela i-Krisimesi.
Kwimpela veki edlulileyo bekubhengezwe i-213 kwiPhondo jikelele.
Nangona kubhenelwa ngokuphindaphindiweyo ngenxa yokuziphatha kakuhle ezindleleni, abanye abaqhubi beenqwelo-mafutha abayi-238 baye babanjwa ngenxa yokuqhuba phantsi kwe mpembelelo zotywala ngexesha lemisebenzi yokuqinisekisa ukulandelwa ko mthetho ebiqhutywe kule mpelaveki, ukuya kuthi ga kwi-ntsasa yangeCawa, ye-21 kaDisemba 2025.
Oku kulibeka inani lilonke labantu ababanjwe benxilile kwiimpelaveki ezimbini ezilandelelanayo ngaphambi kweKrisimesi kwi-451.
ISebe libona la manani njengakhathazayo kakhulu, ngakumbi njengoko inani lezithuthi liqhubeka nokwanda kwaye iintsapho zihamba imigama emide ukuze zihlangane kwakhona kwixesha leeholide.
Ukuqhuba unxilile kusengomnye wemiba ephambili kwiingozi ezibulalayo, ukwenzakala kunye nokulimala okungenakulungiseka ezindleleni zethu.
Ii-Arhente zogcino-mthetho ziya qhubeka nokuqinisa imiqobo yendlela, ukujikeleza kunye nokugcinwa kwamapolisa okubonakalayo kulo lonke ixesha leeholide. Abaqhubi beenqwelo-mafutha bayakhunjuzwa ukuba akuyi kubakho kunyamezelwa kwaphela kokuqhuba unxilile, kwaye abo bakhetha ukungawuthobeli umthetho baya kubanjwa baze batshutshiswe.

