Iqela labecuphi baseMaxesibeni Family Violence, Child Protection and Sexual Offences (FCS) bakhangela umntwana olahlekileyo oneminyaka emithathu(3) ubudala, uNdalo Ngxola wasePhungulelenw Locality e-Ntabankulu.
Iingxelo zithi ngexesha lokuduka kukaNdalo, wayenxibe ibhulukhwe e-navy, ijezi e-navy, i-crocs ezi-navy ezi neenkcukacha ezi-orenji kunye neekawusi ezinemigca.
Uphando lomntu olahlekileyo lwavulwa ngenjikalanga yangoLwesine, umhla we-11 kuDisemba 2025 eMapoliseni, kodwa uphando lokuqala lwenziwa, akwabikho thamsanqa lakufumaneka komkhondo.

