Umphathiswa wezeMicimbi yezeKhaya uLeon Schreiber uthi abantu bamanye amazwe abangenazo iimpepha-mvume zokuba kweli bangama-109,735 babanjwe baza bagxothwa kwiminyaka emihlanu edlulileyo, ukususela ngo-2021/2022 ukuya ku-2025/2026.
Oku kuvele kwimpendulo ebhaliweyo kumbuzo wepalamente welungu lePalamente ye-MK Party uMnqobi Prince Msezane, obuze iinkcukacha malunga nenani labantu bamanye amazwe abangenazo iimpepha ezichongiweyo njengabahlali eMzantsi Afrika.
UMsezane ubuze nezityholo zokuba abantu bamanye amazwe abangenazo iimpepha baqeshwe kumaziko karhulumente nawabucala ngaphandle kweempepha zokusebenza ezisemthethweni.
Ephendula, uSchreiber uthe uhlolo lweendawo zokusebenza ezingama-6,279 kunye nemisebenzi yokunyanzelisa kwenziwe ngexesha elichaziweyo.
Uthe abaqeshi abangama-8,180 bahlawuliswe ngokuqesha abantu bamanye amazwe ngaphandle kweempepha zokusebenza ezisemthethweni kwiminyaka emihlanu edlulileyo.
“Amanyathelo okunyanzelisa aphunyeziweyo ukuqinisa ukuthotyelwa kwemithetho yokufuduka aquka ukungenelela kunye nokuphazamiseka ngokuhlolwa okuqhutywa bubukrelekrele kunye neempendulo ezikhawulezileyo kwiziganeko ezixeliweyo ezifuna imisebenzi/ukuhlolwa.”
Ngaphezu koko, ukuze kukhawuleziswe inkqubo yokuqinisekisa nokuchonga, izixhobo eziphathwayo eziphathwayo ziya kusetyenziswa kude ukufikelela kwiinkqubo zamasebe ngelixa zisebenza kweli candelo.
“Oku kuya kwandisa ukubanjwa kwabo bafunyenwe bengekho mthethweni kweli lizwe, njengoko kuya kubakho impendulo ekhawulezileyo kwimeko yokwaphulwa komthetho wesebe.”
USchreiber uthe izohlwayo ezibekwe kubaqeshi abaqesha abantu bamanye amazwe abangenazo iimpepha zilawulwa ngokwemigaqo yoMthetho wokuFudukela.
Impendulo yakhe ibhekiselele kuhlolo lwesizwe olwenziwe kunyaka ophelileyo apho abaqeshi abangamashumi amathandathu anesibhozo (68) kunye nabantu bamanye amazwe abangamakukhuku amathandathu anamashumi amabini anesibini (322) bafunyaniswa bephula imithetho yokufuduka.
Umqeshi ngamnye kwabangamashumi amathandathu anesibhozo (68) uhlawule isohlwayo sokuvuma ityala se-R10,000, nto leyo ebangele ukuba kubekho isohlwayo se-R680,000 iyonke.
Abasebenzi abangakhulu amathathu anamashumi amabini anesibini (322) abangenazo iimpepha banikezelwe kumagunya okufuduka ukuze baqhubeke nokuqwalaselwa.
IMpuma Koloni ibhale inani eliphezulu labaqeshi abangathobeliyo imithetho, amashishini angamashumi amathathu anaesine (34) ahlawuliswe i-R340,000 iyonke.
IMpumalanga ilandele ngamatyala alishumi elinesihlanu (15) ngelixa iLimpopo ibhale asibhozo, iKwaZulu-Natal ibhale amahlanu kwaye iNtshona Koloni ilandele amabini.
Kubasebenzi bamanye amazwe abangamakhulu amathathu anamashumi amabinianesibini (-322) ababanjiweyo, uninzi lwabo, abalikhulu namashumi amathandathuanesithathu (163), bebeseLimpopo, belandelwa ngamasjumi amane anesithathu (43) eNtshona Koloni, abangamashumi amathathu anesine (34) eMpuma Koloni naseGauteng, abangamashumi amathathu (30) eMpumalanga, abalishumi elinesithandathu (16) eKwaZulu-Natal kunye nabababini eFree State.
Ngokutsho kukaSchreiber, phakathi kukaTszimpuzi ka 2023 neyokwindla ka-2024 isebe liqwalasele izicelo zemvume yokusebenza ezingama-6,255, apho ezingama-5,383 zalahlwa.
Kwiimvume zokusebenza ezingama-872 ezavunyiweyo, ezingama-445 zanikwa amaZimbabwe, elona nani liphezulu lavunywayo ngeli xesha.
Abemi baseLesotho bafumana iimvume zokusebenza ezingama-250, kulandele amaMozambique angama-86 kunye namaNamibia angama-70.
Uninzi lwezicelo bezikwicandelo lezemigodi, ezolimo, kunye nezemfundo noqeqesho.
I-TimesLIVE

