I-EFF ityholwa ngokugxuphuleka ngezopolitiko malunga nomvuzo kaXolile George

USihlalo oBambeleyo weKomiti eHlangeneyo yoLawulo lwezeMali yePalamente, uCameron Dugmore, utyhole iQela le-EFF ngokuba ngumqobo kwezopolitiko.

Oku kuza emva kokuba iqela libhalele uSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe uThoko Didiza licela uphando lwezomthetho malunga nolwakhiwo lwephakheji yemivuzo kaNobhala wePalamente uXolile George oluye lwaphindaphindeka kabini ukuya kwi-R5 yezigidi ukusukela oko waqeshwa kwiminyaka emithathu eyadlulayo.

UDugmore uthi iqela kufuneka liyeke ukuchitha ixesha lePalamente kwaye liye ezinkundleni ukuze umcimbi ubekwe ecaleni.

“Ayisiyiyo nje kuphela iPalamente ebene-clean audit iminyaka elishumi elinanye (11) kodwa lo mba uqwalaselwe kabini nguMphicothi-zincwadi Jikelele kwaye kwafunyaniswa ukuba akukho nto ingaqhelekanga kule nkqubo. Ngoko ke, njengeKomiti yePortfolio yePalamente enoxanduva lokujonga igunya elilawulayo, xa ufumana iingxelo ezicacileyo ezivela kuMphicothi-zincwadi Jikelele zisithi akukho nto imbi xa ikomiti emileyo ixelelwe kwaye igqibe ekubeni iwuvale umcimbi. Kwaye ke xa uneqela lezopolitiko, ngokombono wam, ndicinga ukuba ngumdla wezopolitiko. Akukho nto ibalulekileyo kule ngxaki. Siyilungisile kwaye umcimbi uvaliwe.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
24.1 ° C
24.1 °
24.1 °
37 %
3kmh
62 %
Mon
22 °
Tue
23 °
Wed
23 °
Thu
20 °
Fri
15 °

EZITHANDWAYO INDABA