Konzakele ngokumasikizi umntu omnye ngethuba iMercedes Benz eluhlobo lwebhaki ingqubana neMercedes Benz eyi-Sedan kuhola wendlela uN2 phakathi kwe-Kei Bridge neMonti ngale ntsasa. Omnye wabakhweli usindile nangona enomonzakalo omncinci apho aye wabalekiselwe kwisibhedlele saseMonti .
Kusetyenziswe izixhobo zokuqhaqha imoto ukukhupha umqhubi webhaki waze wasiwa esibhedlele ngenqwelo-ntaka.
Unobangela wale ngozi awukaziwa okwangoku.
Umphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko loluntu uXolile Nqatha ubongoze abaqhubi beemoto ukuba banciphise isantya kwaye bathobele imithetho yendlela.