Sibongile Melapi
Intombazana encinci yaseGqeberha yenza igalelo elikhulu kwindawo yayo, ibonakalisa ukuba iminyaka ayingomqobo kubunkokeli nakwimpumelelo.
UKungawo Mpini oneminyaka elishumi ubudala, nosele ebambe iwonga likaMiss Mini World South Africa, uzinikele ekuncedeni abanye nasekukhuthazeni ulutsha oluphuma kumakhaya ahlelelekileyo.
UKungawo, inzalelwane yaseTwecu eTsholomnqa, ngumfundi weBanga lesihlanu kwisikolo iParsons Hill Primary eGqeberha. Unomdla wokubuyisela kuluntu lwakhe kwaye aphakamise abanye njengoko efezekisa amaphupha akhe.
“Ngaphezu kwayo nantoni na, ndiyintombazana encinci ekulungele ukuzama kungekuphela nje eyam impumelelo kodwa nempumelelo yawo wonke umntu omncinci njengam,” utsho uKungawo.
Uhambo lwakhe kukhuphiswano lwaqala ngeentshinga zasekhaya nezephondo, nto leyo eyakhokelela ekubeni aphumelele iwonga lesizwe leFace of Junior South Africa ngo-2021. Emva kwale mpumelelo, uKungawo wagqiba kwelokuba aseke iKungawo Mpini Foundation, ejolise ekukhuthazeni nasekuxhobiseni abantwana, ingakumbi abo basuka kumakhaya ahlelelekileyo, ukuze bafikelele kumaphupha abo.
ISiseko ke sika Kungawo siye sakhula ngokuthe ngcembe, sifumana inkxaso ngenxa yempembelelo entle abenayo kuluntu. Nangona esebenza ngaphandle kwabaxhasi, uKungawo neqela lakhe basaqhubeka nokwenza umahluko. Bebambisene noosomashishini basekuhlaleni abafana neZiyabuya ekudederhu lweevenkile KwaDwesi besebenzisana nesiseko ukunikezela ngamabhaso kwabo baphumelela kukhuphiswano lwasekuhlaleni.
Njengoko uKungawo kunye nesiseko sakhe belungiselela ukusingatha ukhuphiswano lwabo lwesibini lonyaka, sele bebona ukwanda okubonakalayo kokuthatha inxaxheba kwamangenelo angaphezulu kwamashumi amathathu (30) abafuna ukukhuphisana bevela kumaphondo ahlukeneyo.
Abaphumeleleyo baya kumela uMzantsi Afrika ePhilippines kweyoMsintsi ka-2025.
Nangona kunjalo, imingeni isekhona. UKungawo negqiza lakhe bafuna inkxaso kumasipala nabaxhasi ukuze baqhubeleke nomsebenzi wabo wokungapheleli nje ekuphakamiseni iKungawo Mpini Foundation koko nokuphakamisa igama leGqeberha neMpuma Koloni.
Impembelelo kaKungawo idlulela ngaphaya. Isiseko sikwagxile ekuthetheni esidlangalaleni kunye nobunkokeli, ukunceda abantwana abaninzi baphumelele esikolweni kwaye bafumane amathuba koonomathotholo basekhaya kunye nezinye izihloko zokubonisa imodeli.
Kuyo yonke le nto, uKungawo uncoma umama wakhe uAsanda Mpini, nongumlawuli wesiseko, njengoyena mxhasi wakhe mkhulu.
“Nguye ome nam kolu hambo,” utsho ngokuzingca uKungawo.
Kwiminyaka nje elishumi ubudala, uKungawo Mpini ubonisa ukuba ngokuzimisela nangentliziyo yenkonzo, abantu abatsha bangenza umahluko ongapheliyo kwiindawo abahlala kuzo.