Abacuphi beSikhululo samaPolisa saseLibode babongoza uluntu ukuba luncedise ngolwazi olunokuthi lukhokelele ekubanjweni nasekugwetyweni kwabo banetyala lokubulala abantwana abaselula ababini abaneminyaka elishumi elinesithandathu (16) neshumi elinesibhozo (18).
Abacuphi beSikhululo samaPolisa saseLibode babongoza uluntu ukuba luncedise ngolwazi olunokuthi lukhokelele ekubanjweni nasekugwetyweni kwabo banetyala lokubulala abantwana abaselula ababini abaneminyaka elishumi elinesithandathu (16) neshumi elinesibhozo (18) (obhinqileyo noyindoda) abadutyulwe kwilali yaseMarubeni, eLibode ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyeSilimela 2024, phakathi kwentsimbi yesibini (02:10 am) kunye necela emva kwentsimbi yesiBhozo (08:30 am) kusasa.
Kutyholwa ukuba indoda eneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala elixhoba iye yafowunela lixhoba lasetyhini elineminyaka elishumi elinesithandathu (16) ubudala, elingumfundi waseVictor Poto SSS malunga nemizuzu elishumi emveni kwentsimbi yesibini (02:10) kusasa kwindawo ahlala kuyo kule ndawo.
Malunga nemizuzu engamashumi amathathu emveni kwentsimbi yesihlanu (05:30) kusasa kufunyenwe umzimba wexhoba lasetyhini unamanxeba okudutyulwa kumzimba ongasentla ugcwele igazi.
Malunga nemizuzu engamashumi amathathu emveni kwentsimbi yesibhozo (08:30) umzimba wexhoba eliyindoda elineminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala ufunyenwe nawo unamanxeba okudutyulwa kumzimba ongasentla nangezantsi.
Akwaziwa okwangoku oyena nobangela wokubulala lamaxhoba kwaye amapolisa acela nabani na onokuthi akhokelele ekubeni kubanjwe kwaye kutshutshiswe abenzi bobubi ukuba atsalele uDetective Warrant Officer Mthimba ku-0714752181 okanye inombolo ye-criminal stop – 0860010111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane. Abafowunayo bayokuhlala bengaziwa kwaye izazisi zabo ziya kuhlala ziyimfihlo ukuba bafuna oko.
Anita Qubula.