27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

Ekugqibeleni idami laseKouga linikeza ithemba xa libonakala ligcwala kwakho ngamanzi.

Ibhodi yonkcenkceshelo yaseGamtoos izolo elinye ibibhiyoza emva kokuba iDama laseKouga ligqithe kumashumi amahlanu ekhulwini (50%) kulandela iimvula ebezinethe kakuhle kutsha nje.

Ibhodi ibhale kwikhasi layo lonxibelelwano u-Facebook ngoLwesibini ukuba kwiminyaka emibini edlulileyo, iDama laseKouga laliphantsi nje ku-4% yomthamo opheleleyo ngexesha lembalela yexesha elide. Bekwavakalise umbulelo kubo bonke abasebenzisi bezolimo abaye bahlangabezana nezithintelo ezinzima zamanzi kunye neemeko ezinzima. Bencoma iqela labo ngokulawula ngokufanelekileyo inkqubo yokusetyenziswa kwamanzi. ,m isithethi se-ofisi yemozulu, uGarth Sampson, uqaphele ukuba ingaphezu kwe-100 yeemilimitha imvula iye yana phezu kwendawo egcina amanzi kwinyanga ephelileyo.

Ukwaqikelele ukuba iDama laseChurchill nalo kufuneka libethe umyinge wamashumi asixhenxe ekhulwini kungekudala ngelixa esithi iDama i-Impofu lithe chu lichwechwela malunga ne-13% yomthamo uwonk.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks