Ulinde ntoni ungaphumi nomtu wakho, niye eGqeberha

IGqeberha iyazingca, kwaye inegugu ngesakhiwo sokhenketho esikumgangatho ophezulu nogama liyiSunrise Hotel. Esisakhiwo nesizinze kumhlaba waseBluewater Bay eGqebwrha, sineminyaka emibini kuphela sikhona. Kaloku sakhiwa ngonyaka ka2021 kanye xa siphuma kuxakeka wexesha leCovid 19.

Xa ungena ngaphakathi wamkelwa ngabasebenzi abanobubele abanomdla wokuncedisa abatyeleli babo. Ukanti indlela esihonjiswe ngayo ngaphakathi ikudidi oluphezulu ngokungathi ukwelinye ilizwe.

Ngethuba sityelele kwesisakhiwo, kwingqungquthela kaRhulumente ebibanjwe yiNkulu baPhathiswa uOscar Mabuyane, sincokole nabasebenzi ukuva izimvo zabo ngalendawo baphangela kuyo. Osiphenduleyo ngomdla ibeligatyana lomfana, ogama linguSongezo Mpupa ekunye noBuliswa Ndala.

Esisibini sithi soyakuvuyela kakhulu ukuphangela kulendawo, neyona kubo igqwesileyo nanjengoko isamkela uninzi losaziwayo kuquka abadlali beqonga iGqeberha The empire kunye nabaPhathiswa.

ISunrise Hotel ithi izidla ngokubanagimbi amahle anento yonke umtu ayidingayo ngemadlana engangeR1200 ubusuku. Lomali iquka nokudla kwasekuseni. Ukanti namagumbi okubamba imisitho banayo, ukuyokutsha kwiindawo zokuzilolonga.


Xa ufuna indawo epholileyo nengenangxolo kwisiphithiphithi sedolophu iSunrise ikulindile kwaye ngencinci imali ungafumana nokutya okukulingeneyo nosapho lwakho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA