13.7 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

EMpuma Koloni kubanjwe indoda etyholwa ngokuzama ukubulala unkosikazi yayo.

Indoda yaseThekwini ibanjiwe malunga nokuxhwila kwanokuzama ukubulala inkosikazi yayo. Umtyholwa ekunye noogxa bakhe abathathu balandwe kwigumbi elikwipropati eliseCoffee Bay eMpuma Koloni.

Ngokwengxelo kaPrem Balram weReaction Unit yaseMzantsi Afrika, le ndoda ityhola inkosikazi yayo ngokuthandana nowayesakuba liqabane layo langaphambili.

Ubanga ukuba, ngenye impelaveki, wamphanga ubucwebe, kunye nemoto emhlophe yakwaGWM. Eli bhinqa likwatyhole ukuba yena namadoda amabini bamkrwitsha, bamkhwelisa emotweni bahamba.

UBalram uthe lo mfazi uqhube wathi la madoda ayceba ukulahla umzimba wakhe kwintsimi yeswekile, kodwa wabuyela ezingqondweni.
“Le nkosikazi ivuke kwisihlalo semoto yohlobo lweToyota Etios esiliva ngokombala ngelixa indoda ibizama ukulahla umzimba wayo kwintsimi yeswekile. Ufumene umonzakalo omkhulu,” utshilo uBalram.

Uthi imoto yalo mama ifunyenwe kwisithuba seeyure ezilishumi elinesibhozo eUMzinto kunxweme olukumazantsi eKZN.
“Amagosa afumene ulwazi lokuba abarhanelwa bazimele eMpuma Koloni, bebezimele egumbini, amapolisa aphinde afumana isithuthi ebesisetyenziswe ukulahla lo mama,” uthethe watsho uBalram.

Umyeni kutyholwa ukuba ebethumela imiyalezo eyoyikisayo kweli bhinqa, emkhuthaza ukuba angalivulelwa ityala. UBalram uthe omnye wabarhanelwa okwangoku ungaphandle ngengqawule ngenxa yokubulala kabini kunye nokuphanga kuxhotyiwe.

“Uxelele amagosa ukuba uye wanyanzelwa ukuba awuthuthe umzimba wale nkosikazi kwaye wothuka xa efika watsiba kwisithuthi ebesihamba,” utshilo uBalram.

UBalram uthe umyeni ubanga ukuba akasakwazi ukuxhasa ubomi obutofotofo bomfazi wakhe.
Abarhanelwa bavalelwe kwisikhululo samapolisa eCoffee Bay.

Isithethi samapolisa eMpuma Koloni uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa ungqinile ukuba abarhanelwa bavalelwe eMpuma Koloni, kwaye lo mba usaphandwa ngamapolisa aseKZN.
“Amapolisa aseMpuma Koloni akanalo ulwazi ngaba barhanelwa, sibanike izisele zamapolisa kuphela,” utshilo uMawisa.

By Siyakholwa Vuso

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
13.7 ° C
13.7 °
13.7 °
68 %
5.8kmh
93 %
Fri
13 °
Sat
32 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks