12.5 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

Lisinde ekuthunjweni iTshayina laseTinarha.

Ummi waseTshayina, oxhwilwe ngaphandle kwendawo asebenza kuyo e-Uitenhage, eKariega eMpuma Koloni, uhlangulwe kwiphulo lemisebenzi yogcino-mthetho ngokuhlwa kwangoLwesibini,umhla weshumi elinesithandathu kuTshazimpuzi 2024.

ULu Xian, 43, waxhwilwa ngomhla weshumi 10 kuTshazimpuzi, malunga nemizuzu engamashumi amane emveni kweintsimbi yesihlanu malanga (5.40pm) ngelixa wayephuma emsebenzini wakhe kudederhu lwevenkile lwase-Tinarha..

Kutyholwa ukuba wanyanzelwa ukuba angene kwiveni emhlophe ye-Isuzu double cab yaze i-minibus yakwaXian yakwaVW Crafter yaqhutywa ngomnye wabarhanelwa.

Isithethi secandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhambili ephondweni (olwaziwa njengeeHawks), uKapteni Yolisa Mgolodela uthe iqela elikhulu lamagosa omthetho liqhube iphulo ngokubambisana.

Lo msebenzi ubuqhutywa liqela leeHawks eliphanda ngolwaphulomthetho olucwangcisiweyo looKhetshe abazinze eGqeberha lisebenzisana neGqeberha Crime Intelligence (GCI), amalungu eProvincial Local Record Records (LCRC), iQela lokuThethathethwano ngeHostage (HNT) kunye namalungu eFlying Squad.

By Siyakholwa Vuso.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
82 %
1.2kmh
97 %
Sat
12 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks