Umphathiswa wezothutho kwiphondo leMpuma Koloni uXolile Nqatha ukhwebe onke amaqela abandakanyeka kudushe loonoteksi ephondweni, ukuba adibane ahlale phantsi kophahla olunye okokuqala kwixesha elide, ukuze atyikitye isivumelwano soxolo esijolise ekupheliseni lengxubakaxaka ethe yasuba inkitha yemiphefumlo yabantu kweli phondo, kwiholo i-ICC eMonti, ngoLwesithathu umhla weshumi elinesixhenxe (17) kuTshazimpuzi.
UMphathiswa wezoThutho, uXolile Nqatha uza kuququzelela umsitho wokutyikitya egameni likarhulumente waseMpuma Koloni. Kusenjalo isivumelwano soxolo sesokuncoma ungenelelo oluninzi oluthathiweyo leli phondo ukuvala imipu, kupheliswe ukuphalala kwegazi nokuzisa uxolo oluhlala luhleli kushishino lweeteksi. Olo ngenelelo lubandakanya ukuchongwa yiNkulumbuso yephondo, uOscar Mabuyane wegqiza lamalungu amathandathu (6) ngeyeThupha ka-2022 kunye nekomishoni yophando malunga nokubulawa koonoteksi kweli phondo.
Kanti ukubulawa koonoteksi kweli phondo kuthathe imiphefumlo yabantu abangamashumi amabini anesithoba (29) kunyaka-mali ka2021/22. Igqiza elijongene nomsebenzi liquka uBishop Ziphozihle Siwa, Vuyo Zitumane, D+uGqirha Nondumiso Mapazi, Advocate Thandile Zondeki, uNjingalwazi Mzukisi Njotini kunye noGqirha Oversea Nabileyo.
Kanti abaqhubi beeteksi abaliqela kunye nabantu abamsulwa babulewe emva koko kwizigigaba ezirhanelekayo eziquka ukudubulana ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kwinyanga yoMqungu ka 2024, kwiRenki yeeteksi eSajonisi. Ubuncinci amadoda amathathu (3) abhubha emva kodubulwano loonoteksi, ze amahlanu (5) enzakala ngelixa iiteksi ezintathu (3) zitshiswa. Balishumi elinanye (11) bebonke abantu abahlawuliswe ngokwenzeke ngolu suku lwentlekele.
Isebe lezothutho eMpuma Koloni lisungule isivumelwano soxolo esizakuba nefuthe elibi kuwo nawaphina amaqela ophule imiqathango yesivumelwano.