I-AfriForum kunye ne-DA bayalwa ngokurhoxiswa ngesiquphe kweendaba ze-Afrikaans ku-SABC.

By Siyakholwa Vuso.

Ukurhoxiswa ngokungalindelekanga kwenqaku leeNdaba zikaMabonakude wesiBhulu ngoMgqibelo, umhla wesihlanu (05) kuTshazimpuzi ka-2025, kubangele ukugxekwa nenkxalabo kuwo omabini amaqela alwela amalungelo oluntu i-AfriForum kunye ne-Democratic Alliance (DA).

Le nkqubo yeendaba zesiBhulu, ibisasazwa ngemizuzu elishumi elinesihlanu emveni kwentsimbi yesithandathu (18h150 ku-SABC 2, ikhutshwe ngaphandle kwesaziso okanye ingcaciso esemthethweni evela kwi-Qumrhu loSasazo loMzantsi Afrika (SABC).

Umfanekiso: UKallie Kriel, oIiGosa eliPhethe i-Ofisi yeAfriForum.

Umbutho omela abantu abantetho yesiBhulu, i-AfriForum, ivakalise ukudana kwayo ngenxa yokungabikho konxibelelwano kwesi sikhululo sosasazo. Eli qela lalathe “ipateni ephindaphindiweyo” yokuphazamiseka kwenkqubo okwaqala ngo-Agasti ka-2024, xa iindaba zesiBhulu zazihlala zilibaziseka okanye zitshintshelwe komnye umxholo, kuquka usasazo lwezemidlalo.

“I-SABC ibikade iluqinisekisile uluntu ukuba lo mba uzakusonjululwa,” itshilo ingxelo ye-AfriForum.

“Kodwa silapha kwakhona, akukho silumkiso, akukho ngcaciso, kunye nemvakalelo yokungakhathalelwa kwababukeli abathetha isiBhulu.”

I-Democratic Alliance iphinde yavakalisa ezi nkxalabo, ihlaba ikhwelo kwi-SABC ukuba icacise ukuba ingaba ukurhoxiswa kwamva nje sisiganeko esenzeka kanye okanye luphawu lotshintsho olusisigxina kwiqhinga layo leenkqubo.

Umfanekiso: UJohn Steenhuisen, onuMonongameli we-DA nokwanguMphathiswa weSebe lezoLimo eMzantsi Afrika.

Ziye zabethabethana izimvo zoluntu, ngelixa abanye abemi boMzantsi Afrika bexoxa ngelithi lo mbandela mncinane xa uthelekisa nemingeni yelizwe ngokubanzi yezentlalo nezoqoqosho, abanye bawubona njengenxalenye yendlela ebanzi yokuncipha komxholo wesiBhulu kumaqonga osasazo oluntu.

Ukuza kuthi ga ngoku, i-SABC ayikakhuphi ngxelo ethetha ngalo mba, ishiya i-AfriForum ne-DA nababukeli abaninzi—besebumnyameni. Ukuthula kuye kwaphembelela iingxoxo-mpikiswano eziqhubekayo malunga nokumelwa kweelwimi kunye nobandakanyo kumajelo eendaba aseMzantsi Afrika, nabagxeki belumkisa ngelithi ukusilela ukujongana neenkxalabo ezinjalo kubeka imingcipheko eyahlula amaqela abaphulaphuli besizwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
87 %
2.1kmh
100 %
Sun
24 °
Mon
24 °
Tue
31 °
Wed
21 °
Thu
22 °

EZITHANDWAYO INDABA