Igosa elibambeleyo njengoMkomishoni wamapolisa e-Amathole uBrigadier Zinikele Freddie uyasamkela isigwebo esinikwe yiNkundla ePhakamileyo yaseBhisho ku-Aviwe Rhasi oneminyaka engamashumi amabini anesithoba (29) ubudala wase-Alice ngoLwesithathu, umhla wesibhozo (8) kuTshazimpunzi. URhasi ugwetywe izigwebo ezibini zobomi entolongweni ngokuthe ngqo ngokubulala nokudlwengula owasetyhini oneminyaka engamashumi amathandathu anesithoba (69) ubudala e-Alice kwiminyaka engaphezu kwemihlanu eyadlulayo. Wabhengezwa ngakumbi ukuba akafanelekanga ukuba nesibhamu.
Ntlandlolo ngentsasa yangoLwesine, umhla wamathathu (30) kwinyanga YoMnga ka-2021, izalamane zosapho lwenkondekazi oneminyaka engamathandathu anesithoba (69) ubudala zabika emapoliseni, emva kokuba zifumene umfi endlwini yakhe eJojozi, e-Alice.
Ukanti ngaloo mini inye, uphando lokuqala lwakhokelela ekubanjweni kukaRhasi, owathi kamva wakhululwa ngebheyile.
Kwizihlandlo ezininzi emva koko, uRhasi akazange avele enkundleni, kwaye ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kuCanzibe ka-2025, inkundla yakhupha umyalelo wokubanjwa kwakhe. Kamva wabanjwa kwakhona ngenyanga yoMsintsi ka-2025. Wahlala evalelwe de kwaba ngumhla wesigwebo.
Ubungqina bophando bamdibanisa kakuhle nendawo yolwaphulo-mthetho.
Igosa elibambeleyo leSithili sase-Amathole, uBrigadier Zinikele Freddie, uncome umsebenzi wegosa eliphandayo, uLieutenant Colonel Nolusindiso Dywili. “Ukuziphatha kwakhe kakuhle emsebenzini kuyancomeka, kwaye ukuzinikela kwakhe ukususela ngomhla wokuqala, kuqinisekisile ukuba ityala ligwetywe kwaye umtyholwa ufumana isigwebo esinzima,” wongeze watsho uBrig Freddie.

