Umasipala wase-OR Tambo uthe Gqolo ukulwa nokubiwa kwemfuyo

Inkonzo yesipolisa yase-OR Tambo ifumene iigusha ezingamashumi amahlanu anesithoba (59), iibhokhwe ezilishumi elinesibini (12) kunye neenkomo ezintlanu (05), zonke kurhanelwa ukuba zibiwe kwiindawo ezahlukeneyo zesithili kwaye yabamba umrhanelwa oyindoda oneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) ubudala kwindawo yaseMncwasa phantsi kwesithili samapolisa saseKwaaiman ngoLwesine, umhla wesithoba (9) kuTshazimpunzi, malunga nentsimbi yesithathu (15:00) malanga.

Kwisiganeko sokuqala eMqanduli, amapolisa aseKwaaiman athathe amanyathelo ngolwazi alufumeneyo kwaye abamba umrhanelwa oyindoda oneminyaka engamabini anesibini (23) ubudala ngelixa wayesalusa iigusha ezilishumi elinanye (11) ezirhanelwa ukuba zibiwe. Ababini kwabo wayehamba nabo bakwazile ukuphepha ukubanjwa. Iigusha, ezazibiwe esibayeni ngobusuku bangaphambili, zichongiwe ngokuqinisekileyo ngumnini wazo ofanelekileyo.

Kwisiganeko esingangqamananga nesisezindaweni zasePhingilili naseBhokisini phantsi kwenkundla yamapolisa yaseBityi, uMphathi weSitishi, uLieutenant Mbunyuza kunye noMphathi woMphenyi, uKapteni Mlilo abafumene ulwazi malunga nemfuyo erhanelwayo ebiweyo egcinwe kwimizi emibini elahliweyo, bakhokele amalungu kwiindawo ezimbini baza bafumana iigusha ezingamashumi amane anesibhozo (48) kunye neebhokhwe ezilishumi elinesibini (12), ezinye zigcinwe ngaphakathi ezindlwini. Olu phulo lwenziwe ukususela ngoLwesithathu, umhla wesibhozo (08) kuTshazimpunzi ngentsimbi yethoba (-21:00) malanga ukuya ngoLwesine, umhla wethoba (-09) kuTshazimpunzi, malunga nentsimbi yesine (04:00) ngenj’ixukuxa.

Enye yemfuyo efunyenweyo sele ichongiwe kakuhle ngamaxhoba okubelwa imfuyo kutshanje ngelixa leyo ingachongwangwa isiwe kwiTsolo Municipality Stockpound.

Kwisiganeko sokugqibela kwindawo yaseNxotwe, kuQumbu, iinkomo ezintlanu (05) ezingaziwayo kuluntu zifunyenwe yi-OR Tambo District StockTheft Prevention Task Team ngoLwesithathu, umhla wesibhozo (08) kuTshazimpunzi, malunga necala emva kwentsimbi yesithandathu (-06:30) zaza zasiwa kwiQumbu Municipality Stockpound. Amaxhoba obusela bemfuyo ayacelwa ukuba atyelele ii-stockpounds zikamasipala ngokukhawuleza ukuze abone imfuyo yawo ebiweyo.

Umrhanelwa obanjiweyo uvele phambi kweNkundla kaMantyi yaseMqanduli ngoLwesihlanu, umhla weshumi (10) kuTshazimpunzi, ngezityholo zokuba nemfuyo erhanelwayo ebiweyo ngokungekho mthethweni.

UKhomishina weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uncome onke amalungu abandakanyekayo ekubuyiselweni kwemfuyo ngokuzinikela kwawo nokusebenza nzima ekulweni nobusela bemfuyo kuba yenye yezolwaphulo-mthetho ezibangela usizi olukhulu kwiintsapho zamaxhoba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
24.1 ° C
24.1 °
24.1 °
51 %
2.2kmh
23 %
Fri
27 °
Sat
25 °
Sun
24 °
Mon
25 °
Tue
32 °

EZITHANDWAYO INDABA