Owayesakuba ngumongameli weANC uThabo Mbeki uthi iAfrican National Congress (ANC) ithathe indlela echanekileyo yokubizela owayesakuba nguMongameli weANC uJacob Zuma kwiKomiti yeSizwe yoLuleko.
UZuma ngoku oyinkokeli yoMkhonto weSizwe kulindeleke ukuba avele phambi kwendibano yoluleko ngoLwesibini weveki ezayo umhla wesixhenxe (7) kuCanzibe.
UMbeki ngoku ukhankasela ingingqi yaseTshwane enkulu phambi kovoto lwangomhla wamashumi amabini anethoba (29) kuCanzibe.
Kokokuqala uMbeki ekhankasela esidlangalaleni ukusukela ngonyaka ka-2007. Kwiinzame zokuzama ukufumana iiVoti zeANC, uMbeki uqale utyelelo lwakhe kule ngingqi ngoLwesihlanu umhla wesithathu (3) kulenyanga sikuyo, kwaye uzakuhlangana namanye amagqala eANC anxibelelane noluntu ngoMgqibelo.
“Ndicinga ukuba yinkqubo echanekileyo ye-ANC, ndicinga ukuba kubalulekile ukuba ibambelele kwimithetho yayo kunye noMgaqo-siseko wayo. Kwaye ekubeni kucacile ukuba uZuma wenze into eya kuba sisenzo sokuziphatha kakubi, makavele phambi kwekomiti yoluleko. Ndicinga ukuba ilungile loo nto.” utshilo uMbeki