12.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

I-Cosatu, imibutho yabasebenzi bakarhulumente izakudibana phambi kweengxoxo zemivuzo

By Anita Qubula

ICongress of South African Trade Unions (Cosatu) izakudibana neminye imibutho yabasebenzi bakarhulumente kule veki kwindibano yabasebenzi nanjengoko iqukumbela uthetha-thethwano namalungu ayo phambi kokuqala kweengxoxo zemivuzo kweli candelo kwinyanga ezayo.

Bamemelela iingxoxo ezithembekileyo kwicandelo likarhulumente nomphathiswa wenkonzo karhulumente nolawulo uNkosi Mzamo Buthelezi kurhulumente womanyano lwesizwe (GNU). Isivumelwano seminyaka emibini yomvuzo we-3% kwicandelo likarhulumente sifikelela esiphelweni ngo-Tshazimpuzi ka-2025.

Umququzeleli weCosatu uKhaya Sodidi uthi amalungu abo afuna ukunyuselwa imivuzo ngamanani amabini.
Uthe, njengeemanyano zabasebenzi, bayenzile loo mbono yezoqoqosho, bejonga emva koko bakufumeneyo kule minyaka mine (4) idlulileyo. Ukwathe bawuthathile lo msebenzi kunye nomsebenzi wophando abawenzileyo, kwaye bawuhlisile kumalungu abo ukuba abanike isigunyaziso esinolwazi esixhaswa lulwazi lwezoqoqosho esilwenzileyo

“Kodwa ukutsho nje, sijonge ukonyuka kwamanani aphindwe kabini kwimivuzo yabasebenzi. Ngenxa yokuba into esiyifumeneyo kukuba kwicandelo likarhulumente, kwiminyaka eminje (4|) edlulileyo, imeko yabasebenzi bakarhulumente, baye bafumana ngaphantsi ukunyuka kwamaxabiso,” wongeze ngelitshoyo uSodidi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
12.2 ° C
12.2 °
12.2 °
95 %
1.2kmh
24 %
Wed
22 °
Thu
13 °
Fri
14 °
Sat
19 °
Sun
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks