Abatyholwa ababini ebe bebanjwe kwilebhu yeziyobisi eGroblersdal bafake isicelo sebheyile.

By Anita Qubula

Abantu ababini kwabahlanu abatyholwa ngokwenza kunye nokuthengisa iziyobisi kulindeleke ukuba bafake isicelo sebheyile kwiNkundla kaMantyi yaseGroblersdal eLimpopo namhlanje.

Abemi boMzantsi Afrika, uFrederick Botha kunye noSimphiwe Khumalo, bazakuqhuba nesicelo sabo sebheyile namhlanje. Abatyholwa kunye nabantu abathathu baseMexico, uRuban Vidan, uGonzalez Jorge Partida kunye noGutierrez Lopez Alejandro, bazilahlile izicelo zabo zebheyile.

Abamangalelwa baqale ngezicelo zabo zebheyile ngoLwesine weveki ephelileyo. Ityala lamiswa ngenxa yeengxoxo kunye nesigwebo.

Aba bahlanu (5) babanjwe emva kokuba ooKhetshe babhaqa indawo yokusebenza iziyobisi ezingekho mthethweni kwifama yaseThaba Monate eGroblersdal, kwiiveki ezintathu (3) ezidlulileyo, abathi yeyona inkulu abakhe bayibhaqa kweli lizwe.

Ilabhoratri yasekwa embindini wamatyholo ashinyeneyo emazantsi entaba ekwiikhilomitha eziliqela ngaphandle kwaseGroblersdal.

Ilabhoratri yayiliziko lokwenziwa ngokufihlakeleyo kwe-Crystal Meth exabisa ngaphezu kwe-R2 yeebhiliyoni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA