13.5 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Waqhawuka unobathana kwiNceku kaBawo ileqa abantu ngoCelemba.

UMfundisi uMboro uzibhencile kwelityeli.


Umfundisi odumileyo uPaseka Mboro uvele kushicilelo lwevidiyo egrogrisa ootitshala nootitshalakazi ngocelemba, ethatha ngenkani abafundi ababini besikolo samabanga aphantsi iMatshidiso, eKatlehong.

Kwividiyo ejikeleza kumaqonga onxibelelwano ohlukeneyo, umfundisi Mboro ubonakala ekhatshwa ngamanye amadoda amabini. Enye yala madoda yathatha abantwana ngexa umfundisi ephekuza ngocelemba wakhe kubafundisi-ntsapho, yabe enye indoda ixhobe ngowona mbayimbayikazi.

Kwingxelo ekhutshwe lisebe lezemfundo eRhawutini, isithethi seSebe lezeMfundo uSteven Mabona uthi ingxelo yokuqala idize ukuba la makhwenkwe mabini athathwe ngenxa yengxabano phakathi kweentsapho ezimbini malunga nokugcinwa kwawo.

La makhwenkwe ayazalana, omnye ufunda uGrade R, aze omnye enze iBanga lesibini (2).

“Kuthiwa umama wabantwana usweleke ngenyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka, nto leyo eye yakhokelela kwingxwaba-ngxwaba phakathi kosapho lukatata noomama,’’ utshilo uMabona.

UMabona uthe ngoMvulo, utata wabantwana udibene nenqununu kusasa. Emva kwemini, uninakhulu ozala umama wabantwana, nongumgcini wabo, naye wadibana nenqununu ngenjongo zokuyazisa ngongquzulwano oluvele kwintlanganiso ebibanjwe kwimpelaveki edlulileyo.

Intlanganiso ibibanjelwe kwindlu kayisemkhulu ongutata umfundisi Mboro.

“Esi sehlo ngenjikalanga yangoMvulo emva kwemini siphuma esikolweni ngethuba utata wabantwana ezokubalanda ekhatshwa ngamadoda amabini, enye yawo ingumfundisi – obexhobe ngoocelemba ababini logama omnye ephethe umbayimbayi.

“Ootishala belandela imiyalelo kamakhulu, bazamile ukunqanda utata ukuba angaphumi nabantwana esikolweni. Ukuphendula, lo mfundisi uphekuzelise ucelemba wakhe egrogrisa ootishala,” utshilo uMabona.

UMabona uthi inqununu kunye neSchool Governing Body (SGB), bawubikile lo mcimbi emapoliseni.

“IYunithi yoKhuseleko lwaBantwana imiselwe ukulamla le meko. Inkxaso yengqondo nentlalo-ntle iza kuthunyelwa kootitshala nabafundi abachaphazelekayo ukubanceda ukuba bajongane nonxunguphalo olubangelwe sesi sehlo,” utshilo.

Ngeli xesha, uMphathiswa wezeMfundo eRhawutini uMatome Chiloane uthe ukhuseleko nentlalo-ntle yabafundi nabafundisi-ntsapho yeyona nto iphambili.

“Ezi zenzo zobundlobongela nezoyikiso azijongeli phantsi isiseko semfundo yethu kuphela, koko zikwanako ukukhathaza uluntu lwesikolo siphela, ingakumbi xa siqwalasela ukuba esi siganeko senzeka kwisikolo samabanga aphantsi phambi kwabantwana abancinci nootitshala babo.

“Isebe lizibophelele ekuqinisekiseni ukuba ubulungisa buyenzeka kulo mba. Asisayi kuzinyamezela naziphi na izenzo zobundlobongela okanye zogrogriso kwaye siza kuthatha onke amanyathelo ayimfuneko ukukhusela abafundi nabafundisi-ntsapho bethu,” utshilo uChiloane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
13.5 ° C
13.5 °
13.5 °
95 %
2.6kmh
17 %
Wed
22 °
Thu
13 °
Fri
14 °
Sat
19 °
Sun
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks