By Buhle Nomgalasa.
UNobhala-Jikelele we-African National Congress (ANC) uFikile Mbalula uthe i-Democratic Alliance (DA) kunye ne-Freedom Front Plus azikangeneleli kuthethathethwano lwamva nje olujolise ekusombululeni ingxaki yohlahlo lwabiwo-mali.
Ekuqaleni kwale veki, i-ANC iphinde yaqala elinye iqonga leengxoxo ngeenzame zokufikelela kwiingcamango kuhlahlo lwabiwo-mali lwesizwe kunye nokonyuswa kwerhafu.
Nangona kunjalo, lo mbutho uthe zombini i-DA ne-Freedom Front Plus azikabonakalisi umdla wokuthatha inxaxheba kulo mjikelo mtsha weengxoxo.
UMbalula unike uhlaziyo malunga nothethathethwano ngexesha lendibano noonondaba ebibanjelwe eSandton, ngoLwesine.
Emva kokuba i-ANC iphulukene nolawulo KwaZulu-Natal kulo nyaka uphelileyo, kuye kwasekwa urhulumente wobumbano lwephondo ukuze kulawulwe lo masipala.
IQela leNkatha Freedom Party (IFP) njengelona qela likhulu kwisigqeba solawulo, lilawula kunye ne-ANC, DA, ne-National Freedom Party (NFP) kweli phondo.
Kodwa ngenxa yokungavisisani phakathi kwe-ANC ne-DA kwinqanaba likazwelonke malunga nokunyuswa kwe-VAT, urhulumente wephondo usenokungazinzi xa i-DA ishiya i-GNU.
Xa ebuzwa ngekamva likarhulumente wase-KZN, oku kuthethwe nguMbalula.
“I-KZN ayikaphumi ngokweengxoxo zethu kuba besingekadibani ne-DA kwaye ngenxa yoko, andikwazi ukunika iimpendulo kwimibuzo emininzi onokuthi uyibuze enento yokwenza ne-ANC ne-DA.”
Iingxoxo phakathi kwamaqabane e-GNU kulindeleke ukuba zigqitywe kwiveki ezayo.

