Umbutho iDemocratic Alliance (DA) unyanzelisa ukuba kuqwalaselwe ngokutsha zonke iithenda ezithe zanikezelwa ukusukela kunyulo lwamasebe apho izakuthi ibenolawulo lwabaphathiswa phantsi kwesivumelwano sikarhulumente womanyano lwesizwe (GNU).
Ikwanyanzelisa ukuba iikhontrakthi zabalawuli jikelele kula masebe zipheliswe kusenzelwa ukuqeshwa okuvunywe yiDA.
La mabango aqulathwe kwileta ebanzi eya kuNobhala-jikelele we-African National Congress (ANC) uFikile Mbalula, njengoko iDA ijonge ukuqinisa ifuthe layo kumasebe aphambili kurhulumente jikelele.
Ngelixa uthetha-thethwano lukarhulumente womanyano lwesizwe (GNU) kude kube ngoku lugxile kwizikhundla zomphathiswa kunye namasekela, iDA ijonge ukubambelela ngokuqinileyo kulawulo, iqala ngokuyekiswa kwezivumelwano zeminyaka emihlanu (5) zoo-“Director General” kumasebe ajongwe ngabaphathiswa bayo.
Kwileta ayibhalele iANC, usihlalo womanyano weDA, uHelen Zille, uthi abo bakwisikhundla basenokungakwazi ukuthatha umkhombandlela kubaphathiswa beDA, ingakumbi xa kujongwe umgaqo-nkqubo wokusasazwa kwabasebenzi kwiANC.
I-DA ikwafuna ukuba kujongwe ngokutsha iithenda ezinikezelwe kwinyanga ephelileyo kumasebe akhokelwa yiDA.
By Anita Qubula.