Ikomishini yolonyulo ezimeleyo i-IEC ithi izakusebenzisa ithuba lezikhululo zokuvota ezingamashumi amabini anesithathu namakhulu amathathu eziza kuvulwa namhlanje kwilizwe jikelele ukuze zibhalise abantu abafanelekileyo.
Ithi izakunika ithuba kwabo sele bebhalisile ukuba bajonge okanye bahlaziye iinkcukacha zabo.
I-IEC ithi iimpelaveki zobhaliso kuzwelonke zinezona mpendulo ziphezulu kuluntu xa zithelekiswa nezinye iindlela eziquka ubhaliso kwi-intanethi.
Umphathi we-IEC uSy Mamabolo ukhumbuze abavoti abafanelekileyo belizwe abangama-43-million ngokubaluleka kokubhalisa.
“Phambi kwempelaveki yesibini yokubhalisela ukuvota, sikhumbuza abavoti ngomgaqo jikelele wolonyulo. Oko kukuthi, umntu uvota kwisikhululo sokuvota apho abhalise khona. Ekuphela kwento engaphandle kumgaqo jikelele kukuba umvoti unokuvota ngaphandle kwesithili sobhaliso kuphela ukuba uqale wayazisa iKhomishini ngomhla oya kulawulwa yithayimthebhile yoNyulo. Isidingo sesi saziso sangaphambili sintsha kwaye siza ngenxa yotshintsho kumthetho”
Kusenjalo, eminye imibutho yezopolitiko ePalamente ikhuthaza abavoti abafanelekileyo ukuba babhalise.
Impelaveki yesibini neyokugqibela yobhaliso iza phambi kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa ebhengeze umhla wonyulo lowama-2024.
IFreedom Front-Plus ibongoze abantu abaselungelweni lokuvota ukuba bangaphoswa leli thuba lokubhalisa.
Inkokeli yasePalamente yombutho ozimeleyo we-African Independent Congress uSteven Jafta wabelana noluvo lweFreedom Front-Plus.
“I-African Independent Congress iyayincoma i-IEC ngokwenza elinye ithuba lokuba abemi boMzantsi Afrika babhalise ngomhla we-3 kunye nowe-4 kaFebruwari 2024. Ngoko ke sikhuthaza bonke abo banelungelo lokuvota ukuba balisebenzise eli thuba, ingakumbi abantu abatsha. Imikhosi yethu yaphantsi komhlaba isebenza kuwo onke amaphondo ukunceda abo bangaziyo ukuba mabenze ntoni kanti abanye bengenazazisi. Sonke kufuneka silisebenzise eli thuba ukubhalisa ukuze ngomhla wokubhengezwa nguMongameli sonke siye kwivoti kwaye siyokuvota.

