By Esona Magawana.
UTrashon Virgil Webb wayeligqwetha elalinenkampani yalo eyayibizwa Webb Law Incorporated Attorneys, beneeofisi ezazikwiSitalato iCaledon, eKariega apho wayenguye kuphela umlawuli wefemu.
Kusolwa ukuba uWebb wayeligqwetha elivunyiweyo kwaye elibhalisiweyo, evunyelwe ngokusemthethweni ukuba azisebenzele.
Nangona kunjalo, ngomhla weshumi elinesibini (12) kweyoMnga 2017 iNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, kwiCandelo leMpuma Koloni eMakhanda, yayalela ukuba anqunyanyiswe ekubeni ligqwetha.
Ukusukela ngaloo mhla ukuya phambili, uWebb waye wathintelwa ekuzibandakanyeni nezomthetho kunye nokubamba okanye ukusebenzisa iakhawunti yetrasti yegqwetha. Akazange afumane mvume ebhaliweyo kuMbutho woMthetho waseKapa ukuba aqhubeke esebenza njengegqwetha elivunyiweyo ukususela ngoko.
Noko ke, kutyholwa ukuba waqhubeka nokusebenza ngokungekho mthethweni, nto leyo eyabangela ukuba kwenziwe uphando olukhokelele ekubeni abanjwe.
UWebb uye wavela okokuqala kwinkundla kamantyi yaseGqeberha apho ajongene namatyala angamashumi amabini anesibhozo (28) okwethutyana.
Oku kuquka amatyala alishumi elinethoba (19) obusela, elinye lobuqhophololo, elokudelela inkundla, kunye nelokwaphulwa kweCandelo lesine (4) loMthetho wokuThintela uLwaphulo-mthetho oluQuquzelelweyo.
Nangona urhulumente ekuqaleni wabeka ibheyile esi sixa sewaka (R1 000) leerandi, ekugqibeleni yabekwa kwisixa samakhulu amahlanu (R500) eerandi ngenxa yokungakwazi kukaWebb ukuhlawula imali yokuqala.
I-NPA kunye ne-DPCI zibongoza nabani na okholelwa ukuba unokuba uchatshazelwe okanye uqhathiwe nguTrashwon Virgil Webb ukuba eze ngaphambili kwaye aqhagamshelane ne-DPCI/Hawks.
Inkokheli yeqela: Commercial Crimes Investigations, Lt Col Natalie Connelly, ku-072 580 2723.

