IManyano yeSizwe sazeMzantsi Afrika () ifumene isilumkiso esivela kuMercedes-Benz South Africa (MBSA) sisazisa ngenjongo zokuqhuba udendo ngokungqinelana neCandelo le-189.
Ngokutsho kweManyano, i-MBSA ithathela ingqalelo abasebenzi abayi-702, kunye namagcisa ayi-67, abaphathi beqela abayi-23 nabaqeshwa abayi-612 kwiindidi zomsebenzi ezakuthi ichaphazeleke.
Kwiminyaka yakutshanje, ishishini le-Automotives liye laqulunqa imiceli mngeni emininzi echaphazela ne-MBSA kunye nabathengisi bayo. Le miceli mngeni ibandakanya ukonakala kweemeko zoqoqosho olukhulu kunye nemiceli mngeni yezibuko.
“Imvakalelo yabathengi epheleleyo yabandezeleka ngenxa yokuguquguquka kwexabiso lotshintshiselwano, ingeniso yendlu yekhaya, ukunyuka kweendleko zepetroli kunye nokunyuka kwamaxabiso,” utshilo kwingxelo ngoLwesine.
Unobhala Jikelele weNUMSA, u-Irvin Jim uthe i-MBSA ibanga ukuba isebenza phantsi kweemeko eziqatha.
“I-Numsa ikhwankqisiwe licandelo le-189 lesaziso. Sinenkxalabo enzulu ngabasebenzi kunye neentsapho zabo eziya kuthi zichaphazeleke ukuba inkampani iyaqhubeka nokudendwa.
“Kwiphondo leMpuma Koloni apho uninzi lwabasebenzi be-MBSA lusekwe khona, kuya kuba nzima kakhulu, ngenxa yamanqanaba aphezulu entlupheko kunye nentswela-ngqesho. Kuza kubanzima ukuba abasebenzi bafumane enye ingqesho ukuba i-MBSA iphumeza olundendo lucetywayo, “watsho uJim.
Uthe iManyano, iyakucela ukuba iKomishoni yoXolelwaniso nokuLamla kunye (i-CCMA) iseke umhla wentlanganiso yokuqala ukuze baxoxe ngalo mbandela nomqeshi.
I-NUMSA ithe izakwenza yonke into eyimfuneko ukubonelela ngeendlela ezizezinye, ngenjongo yokuthintela ilahleko yomsebenzi.
By Siyakholwa Vuso

