15 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

I-Ofisi kaMongameli isungula indlela yedijithali yokuphucula iikonzo zikarhulumente.

By Buhle Nomgalasa.

I-Ofisi kaMongameli isungule isicwangciso sedijithali sokuphucula iinkonzo zikarhulumente phantsi kwesigaba esilandelayo se-Operation Vulindlela.

NgoMvulo, uMphathiswa uSolly Malatsi umiselwe ukukhokela igqiza leSebe lezoNxibelelwano kunye nobuChwepheshe beDijithali kuphehlelelo lweNdlela yoTshintsho kwiDijithali kuRhulumente waseMzantsi Afrika. UMongameli uCyril Ramaphosa uthe esi sicwangciso sitsha siza kulungelelanisa unikezelo lweenkonzo zoluntu, ngeqonga elinye ledijithali ukuze abemi bafumane inkxaso karhulumente.

Ukuqhuba esi sicwangciso, i-Ofisi kaMongameli yonyule usomashishini weteknoloji, uMelvyn Lubega, ukuba akhokhele iyunithi entsha yenkonzo yedijithali enikwe umsebenzi wokongamela ukuqaliswa kweenkqubo zokuhlawula ngexesha lokwenyani, ukuqinisekiswa kwesazisi kunye notshintshiselwano ngedatha kuwo wonke amasebe karhulumente.

ISithethi se-Ofisi kaMongameli, uVincent Magwenya, uthe esi sicwangciso siyinxalenye ye-ajenda yohlaziyo lwezoqoqosho lolawulo lwesixhenxe kwaye sinethemba lokukhulisa ukukhula nokudalwa kwamathuba emisebenzi ngokuveliswa kwedijithali.

“Ukuqhuba ukuphunyezwa komgaqo-nkqubo, i-Ofisi kaMongameli iseka i-Digital Service Unit (DSU) ukulungelelanisa le nzame karhulumente wonke wokuphucula iinkonzo. UMnu Lubega ngumdlali wezobuchwepheshe owaziwayo kwihlabathi jikelele owaseka i-Go1 – iqonga elisetyenziswa ngamashishini, imibutho engenzi nzuzo, kunye noorhulumente kumazwe angaphezu kwamashumi amathandu (60). Uye wacebisa oorhulumente benkqubo yedijithali, eAfrika kunye ne-Asia.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15 ° C
15 °
15 °
62 %
5.5kmh
93 %
Fri
15 °
Sat
32 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks