I-SAPS iyayikhaba intelekelelo yokuba ipolisa eliphezulu uMasemola liza kubanjwa.

By Asemahle Mbete.

INkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ithe intelekelelo malunga nesityholo sokubanjwa koMkomishinala wamaPolisa kaZwelonke uFannie Masemola zinokusengela phantsi ukusebenza kwalo.

Oku kuza emva kokuvela kweengxelo zokuba uMasemola uza kubanjwa ngezityholo zokugunyazisa ukuthengwa ngokungekho sikweni kwezakhiwo ezixabisa ikhulu elinamashumi amabini ezigidi zeerandi.

NgeCawe, umhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyeSilimela 2025 isebe lamapolisa libhengeze ukuba alinalwazi malunga nokubanjwa komkomishinala welizwe.

Isithethi uKamogelo Mogotsi uthi ezi zityholo kufuneka zilaliswe.

“Sikwaqaphele nempendulo evela kwiCandelo loPhando oluchasene noRhwaphilizo (IDAC) malunga nolu qikelelo. Siyacela amajelo eendaba ukuba aphephe nakuphi na ukuthelekelela ngolu hlobo njengoko intelekelelo yolu hlobo inefuthe elibi kulo mntu uchaziweyo kwaye kukwanefuthe lokudodobalisa umsebenzi weNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA