17.8 C
King William's Town
Friday, September 6, 2024

I-SIU izakuqalisa uphando ngenxa yolawulo olugwenxa nobuqhophololo kumaspala waseOR Tambo

Icandelo elikhethekileyo lophando i-SIU igunyaziswe ukuba iphande izityholo zolawulo olugwenxa kuMasipala weSithili saseOR Tambo olunxulumene neekhontrakthi ezintlanu (5) ezinxulumene nokwakhiwa kwezakhiwo zobonelelo lwamanzi

Umongameli uCyril Ramaphosa utyikitye isiBhengezo 172 of-2024, egunyazisa iCandelo loPhando eliKhethekileyo (SIU) ukuba liphande izityholo zolawulo olugwenxa kuMasipala weSithili sase-O.R Tambo kwiphondo leMpuma Koloni kunye nokubuyisela nayiphi na ilahleko yemali ethe yachatshazelwa nguRhulumente okanye uMasipala.

IsiBhengezo 172 sika-2024 sigunyazisa i-SIU ukuba iphande ukuthengwa kwezakhiwo ezintlanu zobonelelo lwamanzi. I-SIU iya kuphanda izityholo zolawulo olugwenxa kwezi khontrakthi zilandelayo:
• ukwakhiwa kweSignal Hill Reservoir kunye nokuqeshwa kweBhodi yaManzi yase-Amatola ngo-2019 kunye nesityholo sentlawulo engafanelekanga eyenziwa e-Amatola ngo-2020.
• ulwakhiwo lwe-Manduli Bulk Water Scheme kunye nokuqeshwa kweeNjineli zaseGinasonke kunye nentlawulo etyholwa ngokungekho mgaqweni eyenziwa eGinasonke ngo-2019.
• ukwakhiwa kweMganduli Bulk Water Scheme kunye nokuqeshwa kweKhwalo’s Construction kunye nentlawulo etyholwa ngokungekho mgaqweni eyenziwa kuKhwalo ngo-2019.
• ukubonelela kunye nokufakelwa kwempompo eMhlontlo Cluster 1 kunye nokuqeshwa kweValotone 94 CC kunye nePhoenix Tanks (Pty) Ltd ngo-2019 kunye nesityholo sentlawulo engafanelekanga eyenziwa kubanikezeli benkonzo ngo-2019.
• ukufakelwa kombane kwiDama laseMthatha neHighbury, kunye nokwakhiwa kweSikhululo seMpompa saManzi eThornbill Clear Water kunye nezityholo ezitenxileyo malunga nentlawulo ye-Amatola yezi projekthi ngo-2018 nango-2019.

Ukanti iSIU iya kuphinda iphande ngayo nayiphi na inkcitho engagunyaziswanga, engekho mgaqweni, engenanzuzo, okanye eyilahleko ekungenwe kuyo lisebe okanye nguRhulumente. Umda wophando ukwabandakanya nakuphi na ukuziphatha okungekho mthethweni okanye okungafanelekanga kwamagosa esebe okanye abaqeshwa, abaniki-nkonzo abafanelekileyo okanye ababoneleli beenkonzo, okanye nawuphi na omnye umntu okanye iziko elibangele okanye elinokubangela umonakalo omkhulu kuluntu. Ngaphezu koko, uphando luya kufumanisa ukuba ngaba bekukho nakuphi na ulwabiwo olungekho mthethweni okanye inkcitho yemali karhulumente.

Kusenjalo isiBhengezo sibandakanya izityholo zokuziphatha okungekho mthethweni nokungafanelekanga okwenzeka phakathi komhla wokuqala (1) kweyoMqungu ngonyaka ka2018 kunye nomhla weshumi elinesithandathu (16) kweyeThupha kulo umiyo, ukanti umhla wokupapashwa kweSibhengezo okanye ngaphambi komhla wokuqala (1) kuJanuwari 2018 nasemva komhla weSibhengezo esifanelekileyo, esinxulumene, nemiba okanye ukubandakanya abantu abafanayo, amaqumrhu okanye iikhontrakthi eziphandwayo. Ukongeza ekuphandeni ngolawulo olugwenxa, ubugwenxa, urhwaphilizo nobuqhophololo, i-SIU iya kuchonga ukusilela kwenkqubo ize yenze izindululo ezicwangcisiweyo zokuphucula imilinganiselo yokuthintela ilahleko kwixesha elizayo.

Ngokuhambelana noMthetho wamacandelo oPhando aKhethekileyo kunye noMthetho wamashumi asixhenxe anesine (74) ka 1996 (uMthetho we-SIU), i-SIU iya kuthumela nabuphi na ubungqina obukhomba ukuziphatha kolwaphulo-mthetho ethe yakubhaqa ngexesha lophando lwayo kwiGunyabantu lezoTshutshiso leSizwe (i-NPA) ukuze lithathe amanyathelo angaphezulu.

I-SIU igunyaziswe nguMthetho we-SIU ukuba imisele amanyathelo oluntu kwiNkundla ePhakamileyo okanye iSigqeba esiKhethekileyo egameni laso ukulungisa nasiphi na isenzo esigwenxa esithe sabhengezwa ngexesha lophando lwayo olubangelwe zizenzo zorhwaphilizo, ubuqhophololo, okanye ulawulo olugwenxa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
40 %
2.3kmh
61 %
Fri
17 °
Sat
17 °
Sun
17 °
Mon
14 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks